I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Yohane 1:1-10

1  Oko kwaye kukho ukususela ekuqaleni,+ esiye sakuva,+ sakubona ngamehlo ethu,+ sakukhangela ngocoselelo saza sakuva+ nangezandla zethu,+ okuphathelele ilizwi lobomi,+  (ewe, ubomi babonakaliswa,+ yaye sibonile ibe sinikela nobungqina+ sikwanixelela ngobomi obungunaphakade+ obabukuYise baza babonakaliswa kuthi,)  kona oko siye sakubona saza sakuva sikwanixelela ngako,+ ukuze nani nabelane nathi kuko.+ Ngapha koko, koku kwabelana+ kwethu sikunye noBawo noNyana wakhe uYesu Kristu.+  Yaye ngoko sizibhala ezi zinto ukuze uvuyo lwethu lupheleliswe.+  Yaye esi sisigidimi esiye sasiva kuye ibe sinazisa sona,+ sokuba uThixo ukukukhanya+ yaye akukho bumnyama konke konke ngokumanyene naye.+  Ukuba sithi: “Sinobudlelane naye,” ukanti siqhubeka sihamba ebumnyameni,+ siyaxoka yaye asiyiqheliseli inyaniso.+  Noko ke, ukuba sihamba ekukhanyeni njengoko yena ngokwakhe esekukhanyeni,+ soba sinokwabelana omnye nomnye,+ lithi negazi+ likaYesu uNyana wakhe lisihlambulule+ kuso sonke isono.+  Ukuba sithi: “Asinasono,”+ siyazikhohlisa+ yaye inyaniso ayikho kuthi.  Ukuba siyazivuma izono zethu,+ uthembekile yaye ulilungisa ukuba asixolele izono zethu aze asihlambulule kuyo yonke intswela-bulungisa.+ 10  Ukuba sithi: “Asonanga,” simenza ixoki, yaye ilizwi lakhe alikho kuthi.+

Umbhalo osemazantsi