I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Timoti 4:1-16

4  Noko ke, ilizwi eliphefumlelweyo lithi ngokuqinisekileyo kuya kubakho ixesha+ laxa abathile beya kuphambuka+ elukholweni, benikela ingqalelo kumazwi aphefumlelweyo alahlekisayo+ nakwiimfundiso zeedemon,+  ngohanahaniso lwabantu abathetha ubuxoki,+ abazazela zabo+ ziphawulwe ngokungathi kungentsimbi yokutshisela;  besalela ukuba kutshatwe,+ nokuba kudliwe+ izinto uThixo awazidalela+ ukuba zamkelwe ngombulelo ngabo banokholo+ nabayazi ngokuchanileyo inyaniso.  Kaloku yonke indalo kaThixo isulungekile,+ ngoko ke makungabikho nto igatywayo+ xa yamkelwe ngombulelo,+  kuba iyangcwaliseka ngalo ilizwi likaThixo nangokuthandazelwa.  Ngokunikela la macebiso kubazalwana uya kuba ngumlungiseleli omhle kaKristu Yesu, owondliwe ngamazwi okholo nawemfundiso+ entle oye wayilandela ngokusondeleyo.+  Uze uwamangale amabali obuxoki+ ahlambela oko kungcwele, abaliswa ngabafazi abadala. Kunoko, yiba nosukelo lokuziqeqesha ngozinikelo lobuthixo.+  Kuba ingqeqesho yomzimba iyingenelo kancinane; kodwa lona uzinikelo lobuthixo+ luyingenelo kuzo zonke izinto,+ njengoko lusinika ithemba kobu bomi nakobo buzayo.+  Ithembekile yaye ifanelwe kukwamkelwa ngokupheleleyo loo ngxelo.+ 10  Kuba kungenxa yoko le nto sisebenza nzima yaye siyazibhokoxa,+ ngokuba sibeke ithemba lethu+ kuThixo ophilayo, onguMsindisi+ wazo zonke iintlobo zabantu,+ ngokukodwa abo bathembekileyo.+ 11  Qhubeka unikela le miyalelo+ yaye ufundisa ngayo.+ 12  Makungabikho mntu ubujongela phantsi ubutsha bakho.+ Kunoko, yiba ngumzekelo+ wabo bathembekileyo+ ngokuthetha, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu.+ 13  Qhubeka uzibhokoxa kufundo+ lwasesidlangalaleni,+ ekubongozeni nasekufundiseni, ndide ndifike. 14  Musa ukungasikhathaleli isiphiwo+ esikuwe owasinikwa ngoko kwakuxelwe kwangaphambili+ naxa iqumrhu lamadoda amakhulu lakubeka izandla.+ 15  Ziphonononge ezi zinto;+ wendele kuzo, ukuze ukuhambela kwakho phambili+ kubonakale ebantwini bonke. 16  Zilumkele wena+ nemfundiso yakho.+ Hlala kwezi zinto, kuba ngokwenza oko uya kuzisindisa wena nabo bakuphulaphulayo.+

Umbhalo osemazantsi