I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Timoti 3:1-16

3  Loo ngxelo ithembekile.+ Ukuba ubani uzabalazela isigxina sobuveleli,+ unqwenela umsebenzi omhle.  Umveleli ke ngoko ufanele abe ngongenakukhalazeleka,+ indoda yamfazi mnye, abe ngcathu+ ngemikhwa, aphile engqondweni,+ alungelelane,+ abuk’ iindwendwe,+ afanelekele ukufundisa,+  angaxokozeliswa butywala,+ angabi ngumbethi,+ kodwa abe nengqiqo,+ angabi ngothanda ukulwa,+ angabi ngumthandi wemali,+  abe ngumntu oyongamela kakuhle+ indlu yakhe, enabantwana abathobelayo ngako konke ukundileka;+  (ukuba eneneni umntu woyiswa kukongamela indlu yakhe, angalinyamekela njani ibandla likaThixo?)  angabi ngumntu osandul’ ukuguquka,+ ngokoyikela ukuba angakhukhumala likratshi+ aze awele kumgwebo owadluliselwa kuMtyholi.+  Ngaphezu koko, ufanele abe nobungqina obuhle obuvela kubantu bangaphandle,+ ukuze angaweli kungcikivo nakumgibe+ kaMtyholi.  Izicaka zolungiselelo+ zifanele ngokunjalo zindileke, zingabi nolwimi olumbaxa, zingazinikeli kwiwayini eninzi, zingabaweli inzuzo yokunganyaniseki,+  ziyiphathe imfihlelo engcwele+ yokholo ngesazela esihlambulukileyo.+ 10  Kanjalo, mazivavanywe+ ukuba ziyafaneleka na kuqala, zandule ke ukukhonza njengabalungiseleli, njengoko zingenakumangaleleka.+ 11  Abafazi bafanele ngokunjalo bandileke, banganyelisi,+ babe ngcathu+ ngokwemikhwa, bathembeke kwizinto zonke.+ 12  Izicaka zolungiselelo mazibe ngamadoda anomfazi omnye,+ zibongamela kakuhle abantwana nezindlu zazo.+ 13  Kuba abo balungiselela kakuhle bazizuzela isimo esihle+ nenkululeko enkulu yokuthetha+ elukholweni ngokunxibelelene noKristu Yesu. 14  Ndithe mandikubhalele ezi zinto, nangona ndithemba ukuza kuwe kamsinya,+ 15  ukuze ukuba kwenzekile ndalibaziseka, wazi ukuba ufanele ukuziphatha njani na endlwini kaThixo,+ elibandla loThixo ophilayo, intsika nesixhaso+ senyaniso. 16  Eneneni, inkulu ngokuqinisekileyo yona imfihlelo engcwele+ yozinikelo lwethu lobuthixo, eyile: ‘Wabonakaliswa esenyameni,+ wavakaliswa elilungisa esemoyeni,+ wabonakala kwiingelosi,+ kwashunyayelwa ngaye phakathi kweentlanga,+ lakholwa kuye ihlabathi,+ wanyuswa waba sebuqaqawulini.’+

Umbhalo osemazantsi