I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Timoti 2:1-15

2  Ngoko ke ndiyanibongoza, okokuqala kuko konke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo,+ izibongozelo, imibulelo, ngokuphathelele zonke iintlobo zabantu,+  ngokuphathelele ookumkani+ nabo bonke abo bakwizikhundla eziphakamileyo;+ ukuze siqhubeke siphila ubomi bokuzola noboxolo ngozinikelo lobuthixo nokundileka okupheleleyo.+  Oku kuhle yaye kwamkelekile+ emehlweni oMsindisi wethu, uThixo,+  othanda ukuba zonke iintlobo zabantu+ zisindiswe+ zize zifikelele elwazini oluchanileyo+ lwenyaniso.+  Kuba mnye uThixo,+ mnye nomlamli+ phakathi koThixo+ nabantu,+ uKristu Yesu,+  lowo wazinikela waba yintlawulelo yabo bonke+—nto leyo ekuza kunikelwa ubungqina ngayo ngexesha elifanelekileyo.  Kwakungenjongo yokuba ndinikele obo bungqina,+ le nto ndamiselwa njengomshumayeli nompostile+ ofundisa iintlanga+ ngokholo+ nenyaniso—ndinyanisile+ xa nditshoyo, andixoki.  Ngoko ke ndinqwenela ukuba kuyo yonke indawo amadoda aqhubeke ethandaza, ephakamisa izandla ezinyanisekileyo,+ ngaphandle kwengqumbo+ nokuxambulisana.+  Ngokunjalo ndinqwenela ukuba abafazi bazihombise ngesinxibo esilungiswe kakuhle, ngokuthozama+ nangengqondo ephilileyo, kungekhona ngezimbo zokulukwa kweenwele nokunxitywa kwegolide neeperile nezambatho zeendleko ezinkulu,+ 10  kodwa ngendlela efanele abafazi abazibanga behlonela uThixo,+ oko kukuthi, ngemisebenzi elungileyo.+ 11  Umfazi makafunde ethe cwaka ngokululama okupheleleyo.+ 12  Andimvumeli umfazi ukuba afundise,+ okanye asebenzise igunya endodeni,+ kodwa makathi cwaka. 13  Kuba kwayilwa uAdam kuqala, kwaza kwalandela uEva.+ 14  Kanjalo, akukhohliswanga Adam,+ kodwa ngumfazi owakhohliswa ngokupheleleyo+ waza wanxaxha.+ 15  Noko ke, uya kugcinwa ekhuselekile ngokuzala abantwana,+ ukuba nje baqhubeka elukholweni naseluthandweni benobungcwalisa nengqondo ephilileyo.+

Umbhalo osemazantsi