I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Tesalonika 1:1-10

1  UPawulos noSilvano+ noTimoti+ babhalela ibandla labaseTesalonika elimanyene+ noThixo uBawo neNkosi uYesu Kristu: Ngamana ningaba nobubele obungasifanelanga noxolo.+  Sisoloko simbulela uThixo xa sinikhankanya nonke emithandazweni yethu,+  kuba asiwulibali umsebenzi wenu wokuthembeka,+ nokubulaleka kwenu niqhutywa luthando, nokunyamezela kwenu ngenxa yethemba+ eninalo eNkosini yethu uYesu Kristu phambi koThixo uBawo wethu.  Kuba siyakwazi, bazalwana abathandwayo nguThixo, ukunyulwa kwenu,+  ngenxa yokuba iindaba ezilungileyo esizishumayelayo azibangakho kuni ngantetho yodwa kodwa kwanangamandla+ nomoya oyingcwele nolweyiseko olunamandla,+ kanye njengoko nisazi ukuba sasiluhlobo olunjani na lwabantu phakathi kwenu ngenxa yenu;+  yaye nani naxelisa+ thina neNkosi,+ ekubeni nalamkelayo ilizwi phantsi kwembandezelo enkulu+ ngovuyo lomoya oyingcwele,+  kangangokuba naba ngumzekelo kuwo onke amakholwa eMakedoni naseAkhaya.  Inyaniso ikukuba, ilizwi likaYehova+ elivela kuni alivakalanga eMakedoni naseAkhaya kuphela, kodwa kuyo yonke indawo ukholo lwenu+ kuThixo luye lwasasazeka ngokubanzi,+ kangangokuba akusekho mfuneko yakuba sichaze nto thina.  Kuba seyingabo abahamba bechaza ngotyelelo lwethu lokuqala phakathi kwenu nokulahla kwenu izithixo+ niguqukela kuThixo, ukuze nibe ngamakhoboka oThixo ophilayo+ noyinyaniso,+ 10  nilindele+ uNyana wakhe ovela emazulwini,+ awamvusayo kwabafileyo,+ uYesu, osihlangulayo kwingqumbo ezayo.+

Umbhalo osemazantsi