Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Sam 7:1-17

7  Ngako oko eza amadoda aseKiriyati-yarim+ ayinyusa ityeya kaYehova aza ayithabathela endlwini ka-Abhinadabhi+ endulini, yaye angcwalisa uEleyazare unyana wakhe ukuba alinde ityeya kaYehova.  Ukususela kumhla wokuhlala kweTyeya eKiriyati-yarim iintsuku zanda, kangangokuba zaba yiminyaka engamashumi amabini, kwaye yonke indlu kaSirayeli yenza isijwili emva kukaYehova.+  Wathi ke uSamuweli kuyo yonke indlu kaSirayeli: “Ukuba nibuyela kuYehova ngentliziyo yenu yonke,+ balahleni oothixo basemzini abaphakathi kwenu+ kwakunye nemifanekiso ka-Ashtoreti,+ nize nibhekise ngokungaxengaxengiyo intliziyo yenu kuYehova nikhonze yena yedwa,+ yaye uya kunihlangula esandleni samaFilisti.”+  Baza ke oonyana bakaSirayeli babalahla ooBhahali+ nemifanekiso ka-Ashtoreti,+ baqala ukukhonza uYehova yedwa.  Wandula ke uSamuweli wathi: “Waqokeleleni ndawonye eMizpa+ onke amaSirayeli,+ ukuze ndinithandazele+ kuYehova.”  Ngoko aqokelelana ndawonye eMizpa, akha amanzi aza awaphalaza phambi koYehova azila nokutya ngaloo mini.+ Yaye athi apho: “Sonile kuYehova.”+ Waza uSamuweli waba ngumgwebi+ woonyana bakaSirayeli eMizpa.  AmaFilisti eva ukuba oonyana bakaSirayeli baqokelelene ndawonye eMizpa, zaza iinkosi ezimanyeneyo+ zamaFilisti zenyukelana noSirayeli. Xa oonyana bakaSirayeli beva oko, baqala ukoyika ngenxa yamaFilisti.+  Ngoko oonyana bakaSirayeli bathi kuSamuweli: “Musa ukuthi cwaka ungamemezi kuYehova uThixo wethu usicelela uncedo,+ ukuze asisindise esandleni samaFilisti.”  Wandula ke uSamuweli wathabatha imvana eyanyayo waza wayinikela njengomnikelo otshiswayo, umnikelo opheleleyo,+ kuYehova; waqala ke uSamuweli ukumemeza kuYehova ecelela uSirayeli uncedo,+ noYehova wamphendula ke.+ 10  Kwathi ke ngoxa uSamuweli wayenikela umnikelo otshiswayo, amaFilisti wona asondela edabini nxamnye noSirayeli. Ke kaloku uYehova wabangela ukuba kududume ngengxolo enkulu+ ngaloo mini kumaFilisti, ukuze avuse isiphithiphithi kuwo;+ oyiswa ke phambi koSirayeli.+ 11  Amadoda akwaSirayeli ahlasela esuka eMizpa aza awasukela amaFilisti awaxabela ukuya kufikelela kumzantsi weBhete-kare. 12  Wandula ke uSamuweli wathabatha ilitye+ walimisa phakathi kweMizpa neYeshana waza walibiza ngokuba yiEbhenezere. Ngako oko wathi: “Kude kwangoku uYehova esinceda.”+ 13  Ngaloo ndlela oyiswa amaFilisti, yaye akazange eze kwakhona kummandla wakwaSirayeli;+ nesandla sikaYehova saqhubeka sinxamnye namaFilisti yonke imihla kaSamuweli.+ 14  Nezixeko amaFilisti awayezithabathe kuSirayeli zabuyela kuSirayeli ukususela e-Ekron ukusa eGati, nemimandla yazo uSirayeli wayihlangula esandleni samaFilisti. Kwabakho uxolo phakathi koSirayeli nama-Amori.+ 15  Yaye uSamuweli waqhubeka engumgwebi wakwaSirayeli yonke imihla yobomi bakhe.+ 16  Wayehamba iminyaka ngeminyaka ejikeleza eBheteli+ naseGiligali+ naseMizpa+ engumgwebi kwaSirayeli+ kuzo zonke ezi ndawo. 17  Kodwa wayebuyela eRama,+ ngenxa yokuba indlu yakhe yayilapho, yaye waba ngumgwebi phezu koSirayeli apho. Kwaye wakhela uYehova isibingelelo apho.+

Umbhalo osemazantsi