I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Samuweli 5:1-12

5  Wona ke amaFilisti, ayithabatha ityeya+ kaTHIXO oyinyaniso aza ke ayisusa e-Ebhenezere ayizisa eAshdode.+  AmaFilisti ayithabatha ityeya kaTHIXO oyinyaniso ayizisa endlwini kaDagon aza ayimisa ecaleni kukaDagon.+  Andula ke ama-Ashdode avuka ekuseni ngemini elandelayo, nanko uDagon ewile ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova.+ Ngoko amthabatha uDagon aza ambuyisela endaweni yakhe.+  Akuvuka ekuseni ngentsasa yemini elandelayo, nanko uDagon ewile ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova, intloko kaDagon neentende zezandla zakhe zozibini zinqumkile, zisembundwini.+ Kwakusele inxalenye eyintlanzi kuphela kuye.  Kungenxa yoko le nto ababingeleli bakaDagon nabo bonke abangenayo endlwini kaDagon benganyatheli embundwini wakwaDagon eAshdode kude kuse kule mini.  Saza isandla sikaYehova+ sanzima phezu kwama-Ashdode, yaye wabangela ukuphakuzela waza wayibetha ngezikhala,+ oko kukuthi, iAshdode nemimandla yayo.  Amadoda aseAshdode eza aza abona ukuba kunjalo, aza athi: “Ityeya kaTHIXO kaSirayeli mayingahlali kuthi, ngenxa yokuba isandla sakhe siye sanzima kuthi nakuDagon uthixo wethu.”+  Ngenxa yoko athumela ahlanganisela kuwo zonke iinkosi ezimanyeneyo zamaFilisti aza athi: “Senze ntoni na ngetyeya kaTHIXO kaSirayeli?” Ekugqibeleni athi: “Mayijike  iye eGati+ ityeya kaTHIXO kaSirayeli.” Ngoko bayijika bayizisa apho ityeya kaTHIXO kaSirayeli.  Kwathi ke emva kokuba beyijikile bayizisa apho, isandla sikaYehova+ saba phezu kwesixeko ngesiphithiphithi esikhulu kakhulu, yaye waqala ukubabetha abantu besixeko, ukususela kwabancinane ukusa kwabakhulu,+ baqala nokuphuma izikhala. 10  Ngenxa yoko bayithumela e-Ekron+ ityeya kaTHIXO oyinyaniso. Kwathi ke kamsinya nje yakuba ityeya kaTHIXO oyinyaniso ifike e-Ekron, amaEkron adanduluka, esithi: “Bayijike bayizisa apha kum ityeya kaTHIXO kaSirayeli ukuze ndibulawe mna nabantu bakowethu!”+ 11  Ngenxa yoko athumela ahlanganisa zonke iinkosi ezimanyeneyo zamaFilisti aza athi: “Yindululeni ityeya kaTHIXO kaSirayeli ukuze ibe nokubuyela endaweni yayo nokuze ndingabulawa mna nabantu bakowethu.” Kuba kwakukho isiphithiphithi esibulalayo kuso isixeko siphela;+ isandla sikaTHIXO oyinyaniso sasinzima kakhulu apho,+ 12  yaye abantu abangafanga babethwa ngezikhala.+ Kwaza ukukhalela+ uncedo kwesixeko kwanyukela emazulwini.

Umbhalo osemazantsi