Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Samuweli 31:1-13

31  Ke kaloku amaFilisti ayesilwa noSirayeli,+ aza amadoda akwaSirayeli asaba phambi kwamaFilisti, yaye ayemana esiwa phantsi ebulewe+ eNtabeni yeGilbhowa.+  AmaFilisti athana mbende noSawule noonyana bakhe; yaye ekugqibeleni amaFilisti amxabela uYonatan+ noAbhinadabhi+ noMaleki-shuwa,+ oonyana bakaSawule.  Umlo waba nzima kuSawule, yaye abatoli, amadoda adubula ngesaphetha, ekugqibeleni bamfumana, waza wangxwelerhwa ngokuqatha ngabatoli.+  Wandula ke uSawule wathi kumphathi wezikrweqe zakhe: “Rhola ikrele lakho+ uze undihlabe ngalo, ukuze la madoda angalukanga+ angezi aze ngokuqinisekileyo andihlabe, andiphathe kakubi.” Umphathi wezikrweqe zakhe akavumanga,+ ngenxa yokuba wayesoyika kakhulu. Ngoko uSawule walithabatha ikrele waza waziwisa phezu kwalo.+  Xa umphathi wezikrweqe zakhe wabonayo ukuba uSawule ufile,+ naye ke waziwisa phezu kwekrele lakhe waza wafa kunye naye.+  Wafa ngaloo ndlela uSawule noonyana bakhe abathathu nomphathi wezikrweqe zakhe, nawo onke amadoda akhe, bafa xa bebonke ngaloo mini.+  Athi amadoda akwaSirayeli awayekummandla osentilini nawayekumandla weYordan akubona ukuba amadoda akwaSirayeli asabile,+ nokuba uSawule noonyana bakhe bafile, azishiya ke izixeko aza asaba, emva koko afika ke amaFilisti ahlala kuzo.+  Kwathi ke ngemini elandelayo, xa amaFilisti afikayo ukuza kuhluba ababuleweyo,+ afumana uSawule noonyana bakhe abathathu bewile eNtabeni yeGilbhowa.+  Ayinqumla ke intloko yakhe,+ amhluba izikrweqe zakhe aza athumela kwilizwe lamaFilisti macala onke ukwazisa+ izindlu zoothixo bawo+ nabantu. 10  Ekugqibeleni azibeka izikrweqe+ zakhe endlwini yemifanekiso ka-Ashtoreti,+ nesidumbu sakhe asibethelela eludongeni lwaseBhete-shan.+ 11  Ngokubhekisele kuye, abemi baseYabheshe-giliyadi+ bakuva oko amaFilisti akwenzayo kuSawule. 12  Ngoko nangoko esuka onke amadoda anobukroti, ahamba ubusuku bonke aza asithabatha isidumbu sikaSawule nezidumbu zoonyana bakhe eludongeni lwaseBhete-shan aza eza eYabheshe azitshisela apho.+ 13  Andula ke athabatha amathambo abo+ aza awangcwabela+ phantsi komthi wetamariske+ eYabheshe, azila ke ukutya kangeentsuku ezisixhenxe.+

Umbhalo osemazantsi