Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Sam 3:1-21

3  Ngalo lonke elo xesha inkwenkwe uSamuweli yayilungiselela+ kuYehova phambi koEli, yaye lalinqabile ilizwi elivela kuYehova+ ngaloo mihla;+ kwakungekho mbono+ usasazwa ngokubanzi.  Ke kaloku ngaloo mhla uEli wayelele endaweni yakhe, namehlo akhe ayeqale ukuba norhatyazo;+ wayengasaboni.  Nesibane sikaThixo sasingekacinywa, yaye uSamuweli wayelele etempileni+ kaYehova, apho kwakukho khona ityeya kaThixo.  Waza uYehova wabiza uSamuweli. Yena ke wathi: “Ndim lo.”+  Yaye waya ebaleka kuEli esithi: “Ndim lo, ngokuba undibizile.” Kodwa yena wathi: “Andikubizanga. Buya uye kulala.” Wahamba ke waza waya kulala.  UYehova wambiza kwakhona wathi: “Samuweli!”+ Wavuka ke uSamuweli waya kuEli waza wathi: “Ndim lo, ngokuba undibizile.” Kodwa wathi yena: “Andikubizanga, nyana wam.+ Buya uye kulala.”  (Ke yena uSamuweli, wayengekafikeleli ekumazini uYehova, nelizwi likaYehova lalingekaqalisi ukutyhileka kuye.)+  Ngoko uYehova wambiza kwakhona isihlandlo sesithathu: “Samuweli!” Wavuka yena waya kuEli waza wathi: “Ndim lo, kuba umele ukuba undibizile.” Waza uEli waqala ukuqonda ukuba nguYehova owayebiza inkwenkwe leyo.  Ngenxa yoko uEli wathi kuSamuweli: “Hamba, ulale, yaye ukuba uyakubiza, wena uze uthi, ‘Thetha, Yehova, ngokuba uphulaphule umkhonzi wakho.’” Wahamba ke uSamuweli waza walala endaweni yakhe. 10  Wandula ke weza uYehova, wema waza wabiza njengezinye izihlandlo: “Samuweli, Samuweli!” Wathi ke uSamuweli: “Thetha, ngokuba uphulaphule umkhonzi wakho.”+ 11  Yaye uYehova wahlabela mgama wathi kuSamuweli: “Khangela! Ndenza+ into kwaSirayeli ekuya kuthi ukuba nabani na uyeva ngayo, zithi nzwi iindlebe zakhe zombini.+ 12  Ngaloo mini ndiya kukwenza kuEli konke endiye ndakutsho ngokuphathelele indlu yakhe, ukususela ekuqaleni kuse ekupheleni.+ 13  Uze umxelele ke ukuba ndiyayigweba indlu yakhe+ ukusa kwixesha elingenammiselo ngenxa yesiphoso asaziyo,+ ngenxa yokuba oonyana bakhe baqalekisa uThixo,+ yena akabakhalimela.+ 14  Kungenxa yoko le nto ndiyifungeleyo indlu kaEli ukuba isiphoso sendlu kaEli asiyi kusindiswa ngumbingelelo okanye ngumnikelo ekohlwayweni ukusa kwixesha elingenammiselo.”+ 15  Waza waqhubeka uSamuweli elele kwada kwakusasa. Wandula ke wavula iingcango zendlu kaYehova.+ USamuweli woyika ukumxelela uEli umbono.+ 16  Kodwa uEli wabiza uSamuweli waza wathi: “Samuweli, nyana wam!” Yena wathi: “Ndim lo.” 17  Waza wahlabela mgama wathi: “Lithini na ilizwi alithethileyo kuwe? Nceda, musa ukundifihlela lona.+ Ngamana uThixo angenjenjalo kuwe aze enjenjalo ukongezelela kuko+ ukuba uthe wandifihlela ilizwi emazwini onke awathethileyo kuwe.” 18  Ngoko uSamuweli wamxelela onke amazwi, akamfihlelanga nantoni na. Wathi ke yena: “NguYehova. Makenze okulungileyo emehlweni akhe.”+ 19  Waqhubeka ke ekhula uSamuweli, noYehova waba naye+ waza akabangela naliphi na kuwo onke amazwi ukuba liwele emhlabeni.+ 20  Kwaye uSirayeli wonke ukususela kwaDan ukusa eBher-sheba+ waqonda ukuba uSamuweli ngulowo wayemiselwe isikhundla sokuba ngumprofeti kaYehova.+ 21  Yaye uYehova wabonakala kwakhona+ eShilo, ngenxa yokuba uYehova wazityhila kuSamuweli eShilo ngelizwi likaYehova.+

Umbhalo osemazantsi