I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Samuweli 29:1-11

29  Aziqokelela ndawonye amaFilisti+ zonke iinkampu zawo eAfeki, ngoxa amaSirayeli ayemise inkampu ngasemthonjeni owawuseYizereli.+  Neenkosi ezimanyeneyo+ zamaFilisti zazidlula zingamakhulu namawaka, noDavide namadoda akhe babedlula ngasemva kunye noAkishe.+  Zaqala ke iinkosana zamaFilisti zathi: “Athetha ntoni na la maHebhere?”+ Waza uAkishe wathi kwiinkosana zamaFilisti: “AsingoDavide na lo umkhonzi kaSawule ukumkani wakwaSirayeli, obekunye nam apha unyaka omnye okanye emibini,+ yaye andifumananga+ nanye into ukususela kwimini yokuqhweshela kwakhe kum kwada kwaba yile mini?”  Zacaphuka ke ngakuye iinkosana zamaFilisti; zaza zathi kuye: “Yenze ibuye le ndoda,+ kwaye yibuyisele endaweni oyabele yona; mayingehli nathi ukuya edabini, ukuze ingabi ngumchasi+ wethu edabini. Yaye lo mntu uya kuzenza akholeke ngantoni na enkosini yakhe? Akungeentloko zaloo madoda ethu na?  Lo asinguye na uDavide ababemngqungqela, besithi, ‘USawule uxabele amawaka akhe, noDavide amashumi akhe amawaka’?”+  Ngenxa yoko uAkishe+ wambiza uDavide waza wathi kuye: “Ephila nje uYehova,+ uthe tye wena, yaye ukuphuma kwakho nokungena kwakho+ nam enkampini bekulungile emehlweni am;+ kuba andifumananga bubi kuwe ukususela kwimini yokufika kwakho kum kwada kwayile mini.+ Kodwa emehlweni eenkosi ezimanyeneyo+ akulunganga.  Ke kaloku buya uze uhambe ngoxolo, ukuze ungenzi nantoni na embi emehlweni eenkosi ezimanyeneyo zamaFilisti.”  Noko ke, uDavide wathi kuAkishe: “Yini, ndenze ntoni na,+ iyintoni na oyifumeneyo kumkhonzi wakho ukususela kwimini endafika ngayo ukuba ndibe phambi kwakho kwada kwayile mini,+ ukuba ndingezi ndize okunene ndilwe neentshaba zenkosi yam ukumkani?”  Waphendula uAkishe waza wathi kuDavide: “Ndazi kakuhle ukuba ubulungile kwawam amehlo, njengengelosi kaThixo.+ Kuphela nje ziinkosana zamaFilisti ezithe, ‘Makangenyuki nathi ukuya edabini.’ 10  Ke kaloku vuka ekuseni nabakhonzi benkosi yakho abeze nawe; yaye nimele nivuke ekuseni kusakukhanya. Nandule ke nihambe.”+ 11  Ngako oko uDavide wavuka ekuseni, yena namadoda akhe, ukuze bahambe kusasa+ baze babuyele kwilizwe lamaFilisti; amaFilisti wona enyuka aya eYizereli.+

Umbhalo osemazantsi