I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Samuweli 27:1-12

27  Noko ke, uDavide wathi entliziyweni yakhe: “Ke kaloku ngenye imini ndoze nditshayelwe sisandla sikaSawule. Akukho nto ilunge ngakumbi kum kunokuba nakanjani na ndibalekele+ kwilizwe lamaFilisti;+ uSawule umele aphelelwe lithemba ekundifuneni kwakhe kuwo wonke ummandla wakwaSirayeli,+ yaye ngokuqinisekileyo ndiya kubaleka esandleni sakhe.”  Ngoko wesuka uDavide waza yena namadoda angamakhulu amathandathu+ awayekunye naye badlulela kuAkishe unyana kaMahoki, ukumkani waseGati.  UDavide waqhubeka ehlala noAkishe+ eGati, yena namadoda akhe, ngamnye nendlu yakhe,+ uDavide nabafazi bakhe bobabini, uAhinowam+ umYizerelikazi noAbhigali,+ umfazi kaNabhali, umKarmelekazi.  Ekuhambeni kwexesha kwanikelwa ingxelo kuSawule yokuba uDavide wayebaleke wemka waya eGati, waza ke ngoko akaphinda aye kumfuna.+  Wandula ke uDavide wathi kuAkishe: “Ukuba, ke, ndikholekile emehlweni akho, mandinikwe indawo kwesinye sezixeko ezisemaphandleni, ukuze ndihlale apho; kuba kutheni umkhonzi wakho efanele ahlale nawe kwisixeko sasebukhosini?”  Ngako oko uAkishe wamnika ngaloo mini iTsikelage.+ Kungenxa yoko le nto iTsikelage iye yaba yeyookumkani bakwaYuda kude kuse kule mini.  Yaye inani lemihla yokuhlala kukaDavide kwiindawo ezisemaphandleni zamaFilisti laba ngunyaka oneenyanga ezine.+  Waza uDavide wenyuka namadoda akhe ukuze bahlasele amaGeshure+ namaGirzi nama-Amaleki;+ kuba ayengabemi belizwe elalisusela kwaTelam+ liye kufikelela eShure+ kude kuse kwilizwe laseYiputa.  UDavide walixabela ilizwe, kodwa akagcina ndoda namfazi bephila;+ yaye wathabatha imihlambi yezimvu nemihlambi yeenkomo namaesile neenkamela nezambatho, emva koko wabuya weza kuAkishe. 10  Wandula ke uAkishe wathi: “Nihlasele phi na namhlanje?” Wathi uDavide:+ “Kwelasemzantsi lakwaYuda+ nelasemzantsi lamaYerameli+ nelasemzantsi lamaKeni.”+ 11  Ke yona indoda nomfazi, uDavide wayengagcini kwanto iphila ukuze abazise eGati, esithi: “Ukuze bangasixeli, bathi, ‘Wenjenje uDavide ukwenza kwakhe.’”+ (Yayiyinkqubo yakhe le yonke imihla yokuhlala kwakhe kwiindawo ezisemaphandleni zamaFilisti.) 12  Ngenxa yoko uAkishe wamkholelwa+ uDavide, ezixelela oku: “Ngokungathandabuzekiyo unevumba elibi phakathi kwabantu bakowabo kwaSirayeli;+ uya kuba ngumkhonzi wam ukusa kwixesha elingenammiselo.”

Umbhalo osemazantsi