Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Sam 21:1-15

21  Kamva uDavide wafika eNobhi+ kuAhimeleki umbingeleli; uAhimeleki+ wangcangcazela akuhlangana noDavide waza ke wathi kuye: “Kutheni na ukuba ube wedwa, kungekho bani ukunye nawe?”+  UDavide wathi kuAhimeleki umbingeleli: “Ukumkani undiyalele ngombandela othile,+ wathi kum, ‘Makungabikho bani wazi nantoni na konke konke ngalo mbandela ndikuthuma wona nendikuyalele ngawo.’ Kwaye ndenze idinga lendawo ethile nabafana.  Yaye ke, ukuba unezonka ezihlanu esandleni sakho, ndinike nje zona esandleni sam, okanye nokuba yintoni na efumanekayo.”+  Kodwa umbingeleli wamphendula uDavide waza wathi: “Akukho sonka siqhelekileyo esandleni sam, kodwa kukho isonka esingcwele;+ ukuba nje ubuncinane abafana baye bazigcina kubafazi.”+  Ngoko uDavide wamphendula umbingeleli waza wathi: “Kodwa abafazi bathintelwe kuthi kwanjengangaphambili xa ndaphumayo,+ nenyama yabafana iqhubeka ingcwele, nangona uthumo ngokwalo luqhelekile. Kukangakanani ke namhlanje, xa ubani eba ngcwele enyameni yakhe?”  Umbingeleli wamnika oko kungcwele,+ ngenxa yokuba kwakungekho sonka apho ngaphandle kwesonka sokuboniswa esasishenxisiwe phambi koYehova+ khon’ ukuze kubekwe apho isonka esisandul’ ukubhakwa ngaloo mini yokuthatyathwa kwaso.  Ke kaloku omnye wabakhonzi bakaSawule wayelapho loo mini, evalelwe+ phambi koYehova, yaye igama lakhe lalinguDowegi+ umEdom,+ intloko yabalusi bakaSawule.+  Waza uDavide wahlabela mgama wathi kuAhimeleki: “Akukho nto na apha esandleni sakho, umkhonto okanye ikrele? Kuba andithabathanga krele lam nazixhobo zam ngesandla sam, ngenxa yokuba umbandela kakumkani ubungxamisekile.”  Umbingeleli wathi: “Ikrele likaGoliyati+ umFilisti, owamxabelayo entilini yakwaElaha+—nali, lisongelwe engutyeni yokwaleka, emva kwe-efodi.+ Ukuba ungazithabathela lona, lithabathe, ngenxa yokuba akukho limbi apha ngaphandle kwalo.” Waza uDavide wahlabela mgama wathi: “Akukho linjengalo. Ndinike lona.” 10  Wandula ke wesuka uDavide waza waqhubeka ebaleka+ wemka ngenxa kaSawule ngaloo mini, yaye ekugqibeleni wafika kuAkishe ukumkani waseGati.+ 11  Baza abakhonzi baka-Akishe bathi kuye: “Asinguye na lo uDavide ukumkani+ welizwe? Asinguye na lo babemngqungqela,+ besithi, ‘USawule ubulele amawaka akhe, NoDavide amashumi akhe amawaka’?”+ 12  Waza uDavide wawathabathela entliziyweni yakhe la mazwi, woyika+ ke kakhulu ngenxa ka-Akishe ukumkani waseGati. 13  Ngoko wakufihla+ ukuba nengqondo kwakhe emehlweni abo+ waza wazenza ongenangqondo esandleni sabo, wabhala amarhoqololo ezingcangweni zesango, wayeka nezinkcwe zehla ngeendevu zakhe. 14  Ekugqibeleni uAkishe wathi kubakhonzi bakhe: “Niyabona ukuba le ndoda iphambene. Kutheni na ukuba niyizise kum? 15  Ndiswele abantu abaphambeneyo kakade, le nto nindizisele lo uphambeneyo? Ufanele eze ekhayeni lam na lo?”

Umbhalo osemazantsi