Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Samuweli 13:1-23

13  USawule wayeneminyaka [?] ubudala ukuqalisa kwakhe ukulawula,+ yaye wamlawula uSirayeli kangangeminyaka emibini.  USawule ke wazinyulela amadoda angamawaka amathathu kwaSirayeli; yaye amawaka amabini aba kunye noSawule eMikimashe+ nakummandla weentaba waseBheteli, iwaka laba kunye noYonatan+ eGibheya+ yakwaBhenjamin, abanye abantu wabandulula, ngamnye waya ententeni yakhe.  Wandula ke uYonatan waxabela ekampini yomkhosi+ wamaFilisti+ eyayiseGebha;+ yaye ke amaFilisti akuva oko. Ke yena uSawule, wathi makuvuthelwe isigodlo+ kulo lonke ilizwe, esithi: “AmaHebhere makeve!”  Kwaye wonke uSirayeli weva kuxelwa oku: “USawule uxabele ekampini yomkhosi wamaFilisti, ke ngoku uSirayeli unuka kakubi+ phakathi kwamaFilisti.” Ngoko babizelwa ndawonye bonke abantu ukuba balandele uSawule ukuya eGiligali.+  NamaFilisti aqokelelana ndawonye ukuze alwe noSirayeli, iinqwelo zokulwa+ ezingamashumi amathathu amawaka nabakhweli-mahashe abangamawaka amathandathu nabantu abanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle ukuba baninzi;+ aza enyuka aya kumisa inkampu eMikimashe ngasempuma yeBhete-aven.+  Aza azibonela namadoda akwaSirayeli ukuba asezingxakini ezinkulu,+ ngenxa yokuba abantu babebandezelekile; abantu bazifihla emiqolombeni+ nasemigongxweni nasezingxondorheni nasemagumbini aphantsi komhlaba nasemihadini yamanzi.  AmaHebhere ada awela neYordan+ esiya kwilizwe lakwaGadi+ naseGiliyadi. Kodwa uSawule yena wayeseseGiligali, yaye bonke abantu babengcangcazela ngoxa bemlandela.+  Waza waqhubeka elindile kangangeentsuku ezisixhenxe zexesha elimisiweyo awayelitshilo uSamuweli;+ uSamuweli ke akafikanga eGiligali, nabantu babechithachitheka besimka  kuye.  Ekugqibeleni uSawule wathi: “Sondezani kum umbingelelo otshiswayo nemibingelelo yobudlelane.” Wanikela umbingelelo otshiswayo.+ 10  Kwathi kamsinya nje akugqiba ukunikela umbingelelo otshiswayo, ewe, nanko uSawuweli efika. Ngoko waphuma uSawule esiya kumhlangabeza aze amsikelele.+ 11  Ngoko wathi uSamuweli: “Yintoni na le uyenzileyo?”+ USawule wathi: “Ndibone abantu besasazeka besimka kum,+ yaye nawe—akufikanga ngemihla emiselweyo,+ namaFilisti ebeqokelelana ndawonye eMikimashe,+ 12  ngoko ndazixelela ukuba,+ ‘Ke kaloku amaFilisti aya kuhla eze kum eGiligali, ndibe ndingambongazanga uYehova.’ Ngoko ndazinyanzela+ ndaza ndanikela umbingelelo otshiswayo.” 13  USamuweli wathi kuSawule: “Wenze ngobudenge.”+ Akuwugcinanga umyalelo+ kaYehova uThixo wakho akuyalele wona,+ ngenxa yokuba, ukuba ubuwugcinile, uYehova ngebuqinisile ubukumkani bakho phezu koSirayeli ukusa kwixesha elingenammiselo. 14  Ke ngoku ubukumkani bakho abuyi kuhlala.+ Ngokuqinisekileyo uYehova uya kuzifumanela indoda evunyiweyo yintliziyo yakhe;+ yaye uYehova uya kuyimisela ibe yinkokeli+ phezu kwabantu bakhe, ngenxa yokuba akukugcinanga oko uYehova akuyalele kona.”+ 15  Wesuka ke uSamuweli wenyuka evela eGiligali esiya eGibheya yakwaBhenjamin, noSawule wababala abantu, abo babesafumaneka bekunye naye, malunga namadoda angamakhulu amathandathu.+ 16  Yaye uSawule noYonatan nabantu abafunyanwayo besekunye nabo babehlala eGebha+ yakwaBhenjamin. Wona ke amaFilisti, ayemise inkampu eMikimashe.+ 17  Kwaza kwaphuma enkampini yamaFilisti umkhosi wabaphangi bengamabutho amathathu.+ Elinye ibutho lajika ngendlela yaseOfra,+ lisiya kwilizwe lakwaShuwali, 18  laza elinye ibutho lajika ngendlela yaseBhete-horon,+ nelesithathu ibutho lajika ngendlela eya emdeni okhangelene nentlambo yaseTsebhoyim, ukuya ngasentlango. 19  Ke kaloku kwakungafumaneki mkhandi kulo lonke ilizwe lakwaSirayeli, ngenxa yokuba amaFilisti ayethe: “Ukuze amaHebhere angenzi krele okanye mkhonto.”+ 20  Kwaye onke amaSirayeli ayesihla aye kumaFilisti ukuze ngamnye alolelwe ikhuba lakhe okanye ipeki yakhe okanye izembe lakhe okanye irhengqa lakhe.+ 21  Yaye ixabiso lokulola amakhuba neepeki nezixhobo ezimazinyo mathathu namazembe nokubaza iimviko laliba yipim.+ 22  Kwaza ke ngemini yedabi akwafunyanwa krele+ okanye mkhonto esandleni sakhe nabani na ebantwini ababekunye noSawule noYonatan; kodwa kwafunyanwa elikaSawule+ nelikaYonatan unyana wakhe. 23  Ke kaloku kwaphuma+ amaFilisti enkampini aya engxingweni yaseMikimashe.+

Umbhalo osemazantsi