I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Samuweli 11:1-15

11  UNahashe umAmoni+ wenyuka waza wamisa inkampu nxamnye neYabheshe+ eGiliyadi. Onke ke amadoda aseYabheshe athi kuNahashe: “Yenza umnqophiso nathi ukuze sikukhonze.”+  Wandula ke uNahashe umAmoni wathi kuwo: “Ngalo mqathango ndiya kwenza umnqophiso nani, ngomqathango wokuba ndinikrukre+ nonke iliso lasekunene, yaye ndimele ndikubeke oko njengongcikivo phezu koSirayeli wonke.”+  Amadoda amakhulu aseYabheshe athi kuye: “Sinike ixesha eliziintsuku ezisixhenxe, yaye siza kuthumela abathunywa kuwo wonke ummandla wakwaSirayeli size ke, ukuba asibanga namsindisi,+ siphume size kuwe.”  Ekuhambeni kwexesha kwafika abathunywa eGibheya+ kuloSawule baza bawathetha la mazwi ezindlebeni zabantu, yaye bonke abantu baphakamisa ilizwi labo balila.+  Kodwa nanku uSawule esiza emva komhlambi evela emasimini, waza uSawule wathi: “Yintoni na enaba bantu, belila nje?” Bambalisela amazwi amadoda aseYabheshe.  Kwaye umoya+ kaThixo wasebenza kuSawule ekuveni kwakhe la mazwi, waza wavutha kakhulu ngumsindo.+  Ngoko wathabatha iinkunzi zeenkomo ezimbini wazinqunqa waza wazithumela kuwo wonke ummandla wakwaSirayeli+ ngesandla sabathunywa, esithi: “Nabani na kuthi ongathanga aphume njengomlandeli kaSawule nokaSamuweli, ziya kwenjiwa nje iinkomo zakhe!”+ Abantu ke bafikelwa kukunkwantya+ nguYehova+ kangangokuba baphuma njengandoda-nye.+  Wandula ke wababala+ eBhezeki, yaye oonyana bakaSirayeli baba ngamakhulu amathathu amawaka, amadoda akwaYuda angamashumi amathathu amawaka.  Ke kaloku bathi kubathunywa ababefikile: “Naku eniya kukutsho kumadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, ‘Ngomso ukufudumala kwelanga niya kusindiswa.’”+ Beza ke abathunywa bawaxelela amadoda aseYabheshe, aza wona aba nemihlali. 10  Ngako oko amadoda aseYabheshe athi: “Ngomso siya kuphuma size kuni, yaye nina nimele nenze kuthi ngokuvisisana nako konke okulungileyo emehlweni enu.”+ 11  Kwathi ke ngemini elandelayo uSawule+ wabamisa abantu bangamabutho amathathu;+ yaye baya phakathi kwenkampu ebudeni bomlindo wakusasa+ baza bawaxabela ama-Amoni+ yada yashushu imini. Abaseleyo, babachitha-chitha akwasala bantu babini ndawonye phakathi kwabo.+ 12  Baqala ke ukuthi abantu kuSamuweli: “Ngoobani abo babesithi, ‘USawule—uya kuba ngukumkani na phezu kwethu?’+ Waziseni apha loo madoda, ukuze siwabulale.”+ 13  Noko ke, uSawule wathi: “Akukho mntu ufanele abulawe ngale mini,+ ngenxa yokuba namhlanje uYehova wenze usindiso kwaSirayeli.”+ 14  Kamva uSamuweli wathi ebantwini: “Yizani sinyuke siye eGiligali+ ukuze apho sihlaziye ubukumkani.”+ 15  Ngoko bonke abantu baya eGiligali, baza apho bamenza ukumkani uSawule phambi koYehova eGiligali. Bandula ke benza imibingelelo yobudlelane apho phambi koYehova,+ yaye apho uSawule nawo onke amadoda akwaSirayeli baqhubeka benemihlali ngomlinganiselo omkhulu.+

Umbhalo osemazantsi