I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Petros 5:1-14

5  Ngoko ke, njengendoda enkulu,+ elingqina+ leembandezelo zikaKRISTU, nenesabelo kuzuko oluza kutyhilwa,+ ndiyawabongoza amadoda amakhulu aphakathi kwenu, ndisithi:  Waluseni+ umhlambi kaThixo+ eniwunyamekelayo, kungengakunyanzelwa, kodwa ngokuzithandela;+ kungekhona ngokuthanda inzuzo yokunganyaniseki,+ kodwa ngentumekelelo;  ningabi ziinkosi+ phezu kwabo balilifa likaThixo,+ kodwa yibani yimizekelo emhlambini.+  Uya kuthi ke akubonakaliswa umalusi oyintloko,+ namkele isithsaba esingambatshiyo+ sozuko.+  Ngokunjalo, nina madodana, wathobeleni+ amadoda amakhulu. Bhinqani nonke ukuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye,+ ngenxa yokuba uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo.+  Zithobeni, ke ngoko, phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elililo;+  liphoseni kuye lonke ixhala lenu,+ kuba unikhathalele.+  Hlalani nithe qwa, nilindile.+ Utshaba lwenu, uMtyholi, luhambahamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani engamqwengayo.+  Yimani ngokunxamnye nalo,+ niqinile elukholweni, nisazi ukuba behlelwa kwaziimbandezelo ezifanayo nabazalwana benu bonke ehlabathini.+ 10  Kodwa, emva kokuba nibandezeleke okwethutyana,+ uTHIXO wabo bonke ububele obungasifanelanga, owanibizela kuzuko lwakhe olungunaphakade+ ngokumanyene+ noKristu, uya kulugqiba ngokwakhe uqeqesho lwenu, uya kuniqinisa,+ uya kunomeleza.+ 11  Kuye makubekho amandla+ ngonaphakade. Amen. 12  NgoSilvano,+ endimgqala njengomzalwana othembekileyo, ndinibhalele ngamazwi ambalwa,+ ndinikhuthaza, ndinikela nobungqina bokuba ngokwenene obu bububele obungasifanelanga bukaThixo; yimani niqinile kubo.+ 13  Uyanibulisa lowo useBhabhiloni,+ nonyuliweyo njengani, wenjenjalo noMarko+ unyana wam. 14  Bulisanani ngolwango lothando.+ Ngamana ninganoxolo nonke nina nimanyene noKristu.+

Umbhalo osemazantsi