Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Petros 4:1-19

4  Ngoko ke ekubeni uKristu wabandezeleka enyameni,+ nani zimiseleni ngokufanayo;+ ngenxa yokuba umntu obandezelekileyo enyameni uziyekile izono,+  ukuze ixesha lakhe eliseleyo esenyameni aliphilele,+ kungekhona kwiminqweno yabantu, kodwa ekuthandeni kukaThixo.+  Kuba lanele ixesha+ elidluleyo lokuba nisebenze ukuthanda kweentlanga+ xa naniqhubeka nezenzo zehambo evakalala,+ ezinkanukweni, ekuzinkcinkceni ngewayini,+ kwiziyunguma, ezindywaleni, nakunqulo-zithixo olungekho mthethweni.+  Ngenxa yokuba ningaqhubeki nibaleka kunye nabo kweli khondo ukuya kumgxobhozo ofanayo woburheletyo,+ babhidekile yaye bahamba benitshabhisa.+  Kodwa aba bantu baya kuphendula kulowo+ ulungele ukugweba abo baphilayo nabo bafileyo.+  Enyanisweni, ngenxa yale njongo iindaba ezilungileyo zavakaliswa nakwabafileyo,+ ukuze bagwetywe enyameni ngokwembono yabantu+ kodwa baphile emoyeni+ ngokwembono kaThixo.  Kodwa isiphelo sezinto zonke sisondele.+ Ngoko ke, yibani ngabaphilileyo engqondweni,+ nikuphaphele ukuthandaza.+  Ngaphezu kwezinto zonke, yibani nothando olunzulu omnye ngomnye,+ kuba uthando lugubungela inkitha yezono.+  Bukanani ngaphandle kokumbombozela.+ 10  Njengoko ngamnye wenu wasamkelayo isiphiwo, lungiselelanani ngaso njengamagosa amahle obubele obungasifanelanga bukaThixo obubonakaliswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo.+ 11  Nabani na othethayo, makavakalise izibhengezo ezingcwele+ zikaThixo; nabani na olungiselelayo,+ makalungiselele exhomekeke emandleni awanikwa nguThixo;+ khon’ ukuze kuzo zonke izinto uThixo azukiswe+ ngoYesu Kristu. Uzuko+ namandla ngawakhe ngonaphakade kanaphakade. Amen. 12  Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo otshisayo ngaphakathi kwenu wokunilinga,+ ngokungathi nehlelwa yinto engaqhelekanga. 13  Kunoko, yibani nemihlali+ njengoko ninesabelo kwiimbandezelo zikaKRISTU,+ kuba oko kuya kunenza nibe nemihlali yaye nivuye ngokugqithiseleyo ekutyhilekeni+ kozuko lwakhe. 14  Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu,+ ninoyolo,+ ngenxa yokuba umoya wozuko, oko kukuthi, umoya kaThixo, uphumle phezu kwenu.+ 15  Noko ke, makungabikho namnye kuni obandezeleka+ ngenxa yokuba engumbulali okanye isela okanye umenzi-bubi okanye ugqada-mbekweni+ kwimicimbi yabanye abantu. 16  Kodwa ukuba ubandezeleka+ njengomKristu, makangaziva eneentloni,+ kodwa makaqhubeke ezukisa uThixo ngalo elo gama. 17  Ngokuba lixesha lokuba umgwebo uqale ngendlu kaThixo.+ Ukuba ke uqala ngathi kuqala,+ siya kuba yintoni na isiphelo sabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo zikaThixo?+ 18  “Yaye ukuba umntu olilungisa usindiswa nzima,+ wobonakala phi na ke yena umntu ongahloneli Thixo nomoni?”+ 19  Ngoko, ke, abo babandezeleka ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo mabahlale beyaleza imiphefumlo yabo kuMdali othembekileyo ngoxa besenza okulungileyo.+

Umbhalo osemazantsi