Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Kumkani 6:1-38

6  Kwathi ngonyaka wamakhulu amane anamashumi asibhozo emva kokuba oonyana bakaSirayeli bephumile kwilizwe laseYiputa,+ kunyaka wesine,+ ngenyanga kaZivi,+ oko kukuthi, inyanga yesibini,+ emva kokuba uSolomon ebe ngukumkani kwaSirayeli, wamakhela uYehova indlu.+  Yaye indlu awayakhela+ uYehova uKumkani uSolomon yayinobude obuziikubhite ezingamashumi amathandathu,+ nezingamashumi amabini ububanzi, neekubhite ezingamashumi amathathu ukuphakama.+  Kwaye iveranda+ eyayingaphambili kwitempile yendlu yayiziikubhite ezingamashumi amabini ubude, ngaphambi kwecala elibanzi lendlu. Ubunzulu babuziikubhite ezilishumi, ngaphambili endlwini.  Wahlabela mgama wayenzela indlu iifestile ezinamanqwanqwa acuthekileyo.+  Ngokubhekele phaya, ecaleni kodonga lwendlu wakha macala onke isakhiwo esisecaleni, ecaleni kweendonga zendlu macala onke etempile nakwelona gumbi lingaphakathi,+ waza wenza amagumbi asecaleni+ macala onke.  Igumbi elisecaleni elilelona lisezantsi lalinobubanzi obuziikubhite ezintlanu, yaye eliphakathi laliziikubhite ezintandathu ububanzi, elesithathu lalinobubanzi obuziikubhite ezisixhenxe; kuba wayenze ungqameko+ macala onke ngaphandle endlwini, ukuze lingayami ezindongeni zendlu.+  Ke yona indlu, ngoxa yayisakhiwa, yayiyeyamatye ekwari+ awayesele egqityiwe ekwakhiweni kwayo; ke zona izando namazembe okanye naziphi na izixhobo zentsimbi, azizange ziviwe endlwini+ ngoxa yayisakhiwa.  Umnyango+ wegumbi elisecaleni elilelona lisezantsi wawungakwicala lasekunene lendlu, yaye babeye benyuke ngezinyuko ezimajikojiko baye kweliphakathi, baze ukusuka kweliphakathi benyuke baye kwelesithathu.  Ngapha koko, waqhubeka esakha indlu ukuze ayigqibe,+ waza wayigubungela indlu ngemiqadi noluhlu lwemisedare.+ 10  Ngaphezu koko, wakha amagumbi asecaleni+ ecaleni kwendlu iphela, ukuphakama kwawo kuziikubhite ezintlanu, kwaye ayayanyiswe endlwini ngamaplanga+ omthi womsedare. 11  Ngelo xesha, kwafika ilizwi likaYehova kuSolomon,+ lisithi:+ 12  “Ngokubhekisele kule ndlu uyakhayo, ukuba uya kuhamba emimiselweni yam+ uze uyenze imigwebo yam+ yaye uyigcine yonke imiyalelo yam ngokuhamba kuyo,+ nam ngokuqinisekileyo ndiya kuliphumeza kuwe ilizwi lam endalithethayo kuDavide uyihlo;+ 13  kwaye eneneni ndiya kuhlala phakathi koonyana bakaSirayeli,+ yaye andiyi kubashiya abantu bam amaSirayeli.”+ 14  USolomon waqhubeka eyakha indlu ukuze ayigqibe.+ 15  Kwaye wakha iindonga zendlu ngaphakathi ngamaplanga omsedare. Ukususela emgangathweni wendlu kuse emiqadini yesilingi wayaleka ngamaplanga ngaphakathi; yaye waqhubeka ewaleka umgangatho wendlu ngamaplanga ejunipha.+ 16  Ngapha koko, wakha iikubhite ezingamashumi amabini kumacala angasemva kwendlu ngamaplanga omsedare, ukususela emgangathweni kuse emiqadini, waza wakha ngaphakathi kwelona gumbi lingaphakathi,+ eYona Ngcwele.+ 17  Kwaye indlu yaba ziikubhite ezingamashumi amane, oko kukuthi, itempile+ engaphambi kwayo.+ 18  Kwaye umsedare owawungaphakathi endlwini wawunezihombiso ezikroliweyo ezimilise okwethangazana+ nezezidanga zeentyatyambo.+ Yayingumsedare yonke; kwakungekho litye libonakalayo. 19  Yaye walilungisa ngaphakathi+ elona gumbi lingaphakathi, ukuze ayibeke apho ityeya+ yomnqophiso+ kaYehova. 20  Kwaye elona gumbi lingaphakathi laliziikubhite ezingamashumi amabini ubude,+ neekubhite ezingamashumi amabini ububanzi, neekubhite ezingamashumi amabini ukuphakama; yaye walaleka ngegolide esulungekileyo,+ waza waleka isibingelelo+ ngomsedare. 21  Yaye uSolomon waqhubeka eyaleka+ indlu ngaphakathi ngegolide esulungekileyo,+ waza wanqamlezisa+ umxokelelwane wegolide ngaphambi kwelona gumbi lingaphakathi,+ wayaleka ngegolide. 22  Kwaye wayaleka ngegolide indlu iphela,+ de yagqitywa yonke indlu; yaye sonke isibingelelo+ esasingakwelona gumbi lingaphakathi wasaleka ngegolide.+ 23  Ngapha koko, wenza iikherubhi ezimbini+ zomthi oneoli kwelona gumbi lingaphakathi, nganye yazo iziikubhite ezilishumi ukuphakama kwayo.+ 24  Yaye iphiko elinye lekherubhi laliziikubhite ezintlanu, nelinye iphiko lekherubhi liziikubhite ezintlanu. Yayiziikubhite ezilishumi ukususela kwincam yephiko layo ukusa kwincam yephiko layo.+ 25  Yaye ikherubhi yesibini yayiziikubhite ezilishumi. Zombini ezi kherubhi zazinomlinganiselo ofanayo nembonakalo efanayo. 26  Ukuphakama kwenye ikherubhi kwakuziikubhite ezilishumi, yaye kwakunjalo nangenye ikherubhi. 27  Waza wabeka iikherubhi ngaphakathi kwindlu engaphakathi, ukuze oluleke amaphiko eekherubhi.+ Ngaloo ndlela iphiko lenye lafika edongeni yaye iphiko lenye ikherubhi lalifika kolunye udonga; kwaye amaphiko azo ayesesazulwini sendlu, iphiko lifikelela ephikweni.+ 28  Ngaphezu koko, wazaleka ngegolide iikherubhi.+ 29  Ezindongeni zonke zendlu macala onke wakrola imikrolo yeekherubhi+ neyemithi yesundu+ nemikrolo yeentyatyambo,+ ngaphakathi nangaphandle; 30  nomgangatho+ wendlu wawaleka ngegolide, ngaphakathi nangaphandle. 31  Kwaye umnyango welona gumbi lingaphakathi wawenza ngeengcango+ zomthi+ oneoli: iintsika ezisecaleni, imigubasi nesihlanu. 32  Iingcango ezimbini yayizezomthi oneoli, yaye kuzo wakrola imikrolo yeekherubhi neyemithi yesundu nemikrolo yeentyatyambo, waza wazaleka ngegolide; yaye igolide wayifaka kwiikherubhi nakwimithi yesundu. 33  Kwaye leyo yindlela awenza ngayo emnyangweni wetempile, imigubasi yomthi oneoli, unamacala amane alinganayo. 34  Yaye iingcango ezimbini yayizezomthi wejunipha.+ Iingcango ezimbini zomnyango zazijikeleza kwiihenjisi, neengcango ezimbini zolunye ucango zazijikeleza kwiihenjisi.+ 35  Yaye wenza imikrolo yeekherubhi neyemithi yesundu nemikrolo yeentyatyambo, waza waleka igolide phezu kweembonakaliso.+ 36  Waqhubeka wakha intendelezo engaphakathi+ enezintlu ezintathu+ zamatye aqingqiweyo noluhlu lwemiqadi yomsedare. 37  Ngonyaka wesine indlu kaYehova yayinesiseko sayo,+ ngenyanga enguZivi;+ 38  yaye ngonyaka weshumi elinanye, ngenyanga enguBhuli, oko kukuthi, inyanga yesibhozo, indlu yayigqityiwe+ ngokweenkcukacha zayo zonke nokuyilwa kwayo konke;+ kangangokuba wayakha iminyaka esixhenxe.

Umbhalo osemazantsi