I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Kumkani 5:1-18

5  UHiram+ ukumkani waseTire+ wathumela abakhonzi bakhe+ kuSolomon, kuba wayevile ukuba nguye ababemthambise njengokumkani esikhundleni sikayise; kuba uHiram wayemthanda uDavide.+  USolomon wathumela kuHiram, esithi:+  “Wena ngokwakho wazi kakuhle ukuba uDavide ubawo akazange akwazi ukulakhela indlu igama likaYehova uThixo wakhe ngenxa yemfazwe+ ababemngqonge ngayo, de uYehova wababeka phantsi kweentende zeenyawo zakhe.  Yaye ngoku uYehova uThixo wam undinike ukuphumla macala onke.+ Akukho mchasi, kwaye akukho nto imbi yenzekayo.+  Yaye yabona ndicinga ukwakhela igama likaYehova uThixo wam indlu,+ kanye njengoko uYehova wathembisa uDavide ubawo, esithi, ‘Unyana wakho endiya kumbeka etroneni yakho esikhundleni sakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam.’+  Yaye ke bayalele ukuba bandicandele imisedare yaseLebhanon;+ yaye abakhonzi bam baya kuba nabakhonzi bakho, kwaye ndiya kukunika umvuzo wabakhonzi bakho ngokuvumelana noko uya kukutsho, kuba wena ngokwakho wazi kakuhle ukuba phakathi kwethu akukho namnye ukwaziyo ukucanda imithi njengamaSidon.”+  Kwathi kamsinya nje uHiram+ akuweva amazwi kaSolomon, waba nemihlali kakhulu, waza wahlabela mgama wathi: “Makabongwe+ uYehova namhlanje ngokuba enike uDavide unyana osisilumko+ wokuphatha esi sizwana sikhulu kangaka!”+  Ngako oko uHiram wathumela kuSolomon, esithi: “Ndikuvile ondithumelele kona. Mna ndiya kukwenza konke okuya kukuyolisa kumbandela wamaplanga omthi womsedare namaplanga omthi wejunipha.+  Abakhonzi bam baya kwehla nawo bevela eLebhanon+ bawase elwandle; kwaye mna ndiya kuwafaka kwizihlenga ahambe ngolwandle aye kufikelela kwindawo oya kundithumelela yona;+ yaye ngokuqinisekileyo aya kwahlukaniswa apho, ibe uya kuwathwala; yaye wena uya kundiyolisa ngokunika indlu yam ukutya.”+ 10  Ngoko uHiram wanika uSolomon amaplanga omthi womsedare namaplanga omthi wejunipha kangangokuyoliswa kwakhe. 11  Yaye uSolomon wanika uHiram umlinganiselo weekore ezingamashumi amabini amawaka+ zengqolowa njengokutya kwendlu yakhe nomlinganiselo weekore ezingamashumi amabini zeoli engqushiweyo.+ USolomon waqhubeka emnika oko uHiram unyaka nonyaka.+ 12  UYehova wanika uSolomon ubulumko, kanye njengoko wayemthembisile;+ yaye kwabakho uxolo phakathi kukaHiram noSolomon, baza benza umnqophiso bobabini. 13  UKumkani uSolomon waqhubeka evelisa abo babhaliselwe ukusebenza ngokuqhutywa ngebhaxa kuye wonke uSirayeli; yaye abo babhaliselwe ukusebenza ngokuqhutywa ngebhaxa+ baba ngamadoda angamashumi amathathu amawaka. 14  Kwaye wayebathumela eLebhanon ngamaqela eshumi lamawaka ngenyanga. Babeqhubeka beseLebhanon inyanga, iinyanga ezimbini babe sekhaya;+ yaye uAdoniram+ wayephethe abo babhaliselwe+ ukusebenza ngokuqhutywa ngebhaxa.+ 15  USolomon waba+ nabathwali bemithwalo abangamashumi asixhenxe amawaka+ nabaqingqi abangamashumi asibhozo amawaka+ entabeni,+ 16  ngaphandle kweenkosana zikaSolomon+ ezazingabaphathi emsebenzini, abaphathi babasebenzi abangamawaka amathathu anamakhulu amathathu+ ababephethe abantu ababekhuthele emsebenzini. 17  Ngako oko ukumkani wayalela ukuba bembe amatye amakhulu, amatye axabiso likhulu,+ ukuze babeke isiseko+ sendlu esinamatye aqingqiweyo.+ 18  Ngoko abakhi bakaSolomon nabakhi bakaHiram namaGebhali+ bawasika, yaye baqhubeka belungisa amaplanga namatye okwakha indlu.

Umbhalo osemazantsi