Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Kum. 16:1-34

16  Kwafika ilizwi likaYehova kuYehu+ unyana kaHanani+ nxamnye noBhahasha, lisithi:  “Kwanjengokuba ndakuphakamisayo eluthulini+ ukuze ndikumise ube yinkokeli yabantu bam amaSirayeli,+ kodwa wahamba endleleni kaYerobhoham+ waza wabonisa abantu bam amaSirayeli ngokundicaphukisa ngezono zabo,+  yabona ndiyamtshayela uBhahasha nendlu yakhe, yaye ngokuqinisekileyo indlu yakhe ndiya kuyenza ibe njengendlu kaYerobhoham unyana kaNebhati.+  Wonke okaBhahasha ofayo esixekweni uya kudliwa zizinja; yaye nabani na wakhe ofela entsimini uza kudliwa ziintaka zezulu.”+  Yonke ke imicimbi kaBhahasha nako konke awakwenzayo namandla akhe, akubhalwanga na encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?  Ekugqibeleni uBhahasha walala kookhokho bakhe waza wangcwatywa eTirtsa;+ yaye uElaha unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.  Yaye nangenxa kaYehu unyana kaHanani umprofeti, lafika ilizwi likaYehova nxamnye noBhahasha nendlu yakhe,+ ngenxa yabo bonke ububi awabenzayo emehlweni kaYehova ngokumcaphukisa+ ngomsebenzi wezandla zakhe,+ ukuze ibe njengendlu kaYerobhoham, nangenxa yokuba wamxabela.+  Ngonyaka wamashumi amabini anesithandathu ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uElaha unyana kaBhahasha waba ngukumkani wakwaSirayeli eTirtsa iminyaka emibini.  Yaye umkhonzi wakhe uZimri+ intloko yesiqingatha seenqwelo wamenzela iyelenqe, ngoxa wayeseTirtsa ezinxilisa ngokusela+ endlwini ka-Arza, owayephethe indlu+ eTirtsa. 10  Wangena uZimri wamxabela,+ wambulala ngonyaka wamashumi amabini anesixhenxe ka-Asa ukumkani wakwaYuda, waza walawula esikhundleni sakhe. 11  Yaye kwathi ekuqaliseni kwakhe ukulawula, kamsinya nje akuhlala phantsi etroneni yakhe, wayixabela yonke indlu kaBhahasha. Akazange ashiye namnye kwabakhe ochamela eludongeni+ okanye abaphindezeli bakhe begazi+ okanye abahlobo bakhe. 12  Ngaloo ndlela uZimri wabhubhisa indlu kaBhahasha iphela,+ ngokwelizwi likaYehova+ awalithethayo nxamnye noBhahasha ngoYehu umprofeti,+ 13  ngenxa yezono zonke zikaBhahasha nezono zikaElaha+ unyana wakhe awona ngazo nawamonisa ngazo uSirayeli ngokucaphukisa uYehova uTHIXO kaSirayeli ngezithixo zabo ezililize.+ 14  Yonke ke eminye imicimbi kaElaha nako konke awakwenzayo, akubhalwanga na encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? 15  Ngonyaka wamashumi amabini anesixhenxe ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uZimri waba ngukumkani iintsuku ezisixhenxe+ eTirtsa, ngoxa abantu babemise inkampu nxamnye neGibheton,+ eyayiyeyamaFilisti. 16  Ekuhambeni kwexesha abantu ababemise inkampu beva kusithiwa: “UZimri wenze iyelenqe yaye umxabele ukumkani.” Ngoko wonke uSirayeli wamenza ukumkani wakwaSirayeli uOmri,+ intloko yomkhosi, kwangaloo mini enkampini. 17  UOmri naye wonke uSirayeli owayekunye naye benyuka besuka eGibheton baza bangqinga+ iTirtsa. 18  Yaye kwathi kamsinya nje akubona uZimri ukuba isixeko sithinjiwe, weza kwinqaba yokuhlala yendlu kakumkani waza wayitshisa ngomlilo phezu kwakhe indlu kakumkani, wafa,+ 19  ngenxa yezono zakhe awayone ngazo ngokwenza okubi emehlweni kaYehova+ ngokuhamba endleleni kaYerobhoham nasesonweni sakhe awasenzayo ngokonisa amaSirayeli.+ 20  Yonke ke imicimbi kaZimri neyelenqe lakhe awalenzayo, azibhalwanga na encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? 21  Kungelo xesha abathi ke abantu bakwaSirayeli bahlulelana baba ziinxalenye ezimbini.+ Kwabakho inxalenye yabantu eyaba ngabalandeli bakaTibheni unyana kaGinati, ukuba bamenze ukumkani, kwaye enye inxalenye yaba ngabalandeli bakaOmri. 22  Ekugqibeleni abantu ababelandela uOmri baboyisa abantu ababelandela uTibheni unyana kaGinati; wafa uTibheni, yaye uOmri waqalisa ukulawula. 23  Ngonyaka wamashumi amathathu ananye ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uOmri waba ngukumkani wakwaSirayeli iminyaka elishumi elinesibini. Walawula iminyaka emithandathu eTirtsa. 24  Wathenga intaba yaseSamariya ngeetalente ezimbini zesilivere kuShemere, waza wakha entabeni, isixeko eso wasakhayo wasibiza ngegama likaShemere inkosi yentaba, wathi yiSamariya.+ 25  Yaye uOmri waqhubeka esenza okubi emehlweni kaYehova waza wenza okubi ngakumbi kunokuba benzayo abo babengaphambi kwakhe.+ 26  Wahamba kuyo yonke indlela kaYerobhoham unyana kaNebhati+ nakwisono sakhe awamonisa ngaso uSirayeli ngokumcaphukisa uYehova uTHIXO kaSirayeli ngezithixo zakhe ezililize.+ 27  Yonke eminye imicimbi kaOmri, awakwenzayo namandla akhe awasebenza ngawo, akubhalwanga na encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? 28  Ekugqibeleni uOmri walala kookhokho bakhe waza wangcwatywa eSamariya; yaye uAhabhi+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe. 29  Ke yena uAhabhi unyana kaOmri, waba ngukumkani wakwaSirayeli ngonyaka wamashumi amathathu anesibhozo ka-Asa ukumkani wakwaYuda; ibe uAhabhi unyana kaOmri waqhubeka elawula uSirayeli eSamariya+ iminyaka engamashumi amabini anesibini. 30  UAhabhi unyana kaOmri wenza okubi ngakumbi emehlweni kaYehova kunabo bonke abo babengaphambi kwakhe.+ 31  Yaye, ngokungathi yeyona nto ingenamsebenzi+ kuye ukuhamba ezonweni zikaYerobhoham+ unyana kaNebhati, wathabatha uIzebhele+ intombi kaEtebhahali ukumkani wamaSidon+ wamenza umfazi+ wakhe waza waqalisa ukuya kukhonza uBhahali+ nokuqubuda kuye. 32  Ngapha koko, wamisa isibingelelo sikaBhahali endlwini+ kaBhahali awayakhayo eSamariya. 33  UAhabhi waqhubela phambili wenza isibonda esingcwele;+ yaye uAhabhi wenza okungakumbi ukuze acaphukise+ uYehova uTHIXO kaSirayeli kunabo bonke ookumkani bakwaSirayeli ababengaphambi kwakhe. 34  Ngemihla yakhe uHiyeli umBheteli wakha iYeriko. Waphulukana noAbhiram izibulo lakhe ekubekeni kwakhe isiseko sayo, waza waphulukana noSegubhi oyena mncinane wakhe ekumiseni kwakhe iingcango zayo, ngokwelizwi likaYehova awalithethayo ngoYoshuwa unyana kaNun.+

Umbhalo osemazantsi