I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Kronike 23:1-32

23  UDavide wayesele aluphele+ yaye anelisekile, ngoko wamenza uSolomon+ unyana wakhe ukumkani phezu kukaSirayeli.  Wahlanganisa zonke iinkosana+ zakwaSirayeli nababingeleli+ nabaLevi.+  Babalwa ke abaLevi kwathatyathelwa kwabaminyaka ingamashumi amathathu ubudala ukusa phezulu;+ intloko nganye, indoda eyomeleleyo ngendoda eyomeleleyo, yaye inani labo laba ngamashumi amathathu anesibhozo amawaka.  Kwabo babeza kongamela umsebenzi wendlu kaYehova babengamashumi amabini anesine amawaka; amagosa+ nabagwebi+ babengamawaka amathandathu;  abagcini-masango+ babengamawaka amane yaye abadumisa+ uYehova ngezixhobo+ uDavide awathi “Ndizenzele ukudumisa” babengamawaka amane.  Waza uDavide wabahlula bazizahlulo+ ngokoonyana bakaLevi,+ uGershon, noKohati noMerari.  KumaGershon, yayinguLadan noShimeyi.  Oonyana bakaLadan yayinguYehiyele+ indoda eyintloko noZetam noYoweli,+ bebathathu.  Oonyana bakaShimeyi nguShelomoti noHaziyeli noHaran, bebathathu. Zizo ezo iintloko zooyise zikaLadan. 10  Bona oonyana bakaShimeyi yayinguYahati, uZina noYewushe noBheriya. Abo bobane yayingoonyana bakaShimeyi. 11  UYahati waba yintloko, waza uZiza waba ngowesibini. Ke yena uYewushe noBheriya, babengenanyana baninzi; ngoko baba ngabodidi olusemthethweni endlwini yooyise.+ 12  Oonyana bakaKohati+ yayinguAmram, uItsare,+ uHebron+ noUziyeli,+ bebane. 13  Oonyana baka-Amram yayinguAron+ noMoses.+ Kodwa uAron wahlulelwa+ ukuba angcwalise eYona Ngcwele,+ yena noonyana bakhe ukusa kwixesha elingenammiselo, ukuqhumisa umbingelelo+ phambi koYehova, ukuba balungiselele kuye,+ bavakalise intsikelelo+ egameni lakhe ukusa kwixesha elingenammiselo. 14  Ke yena uMoses umntu kaTHIXO oyinyaniso,+ oonyana bakhe baqhubeka bebizwa phakathi kwesizwe sabaLevi.+ 15  Oonyana bakaMoses yayinguGershom+ noEliyezere.+ 16  Oonyana bakaGershom yayinguShebhuweli+ intloko. 17  Ke bona oonyana bakaEliyezere yayinguRehabhiya+ intloko; yaye uEliyezere akabanga nanyana bambi, kodwa oonyana bakaRehabhiya babebaninzi ngokugqithiseleyo. 18  Oonyana bakaItsare+ yayinguShelomiti+ indoda eyintloko. 19  Oonyana bakaHebron yayinguYeriya intloko, uAmariya wayengowesibini, uYahaziyeli wayengowesithathu noYekamam+ wayengowesine. 20  Oonyana bakaUziyeli+ yayinguMika intloko noIshiya owesibini. 21  Oonyana bakaMerari+ yayinguMahali noMushi.+ Oonyana bakaMahali yayinguEleyazare+ noKishe. 22  Kokwa uEleyazare wafa; akabanga nanyana, waba neentombi kuphela. Ngoko ke oonyana bakaKishe abantakwabo babathabatha baba ngabafazi babo.+ 23  Oonyana bakaMushi yayinguMahali noEdere noYeremoti,+ bebathathu. 24  Ngabo abo oonyana bakaLevi ngokwendlu yooyise,+ iintloko zooyise, ngokwabo bamiselweyo, ngokwenani lamagama, intloko nganye yabo, abasebenzi bomsebenzi wenkonzo+ wendlu kaYehova, ukususela kwabaminyaka ingamashumi amabini ubudala ukusa phezulu.+ 25  Kuba uDavide wathi: “UYehova uTHIXO kaSirayeli ubanike ukuphumla abantu bakhe,+ yaye uya kuhlala eYerusalem ukusa kwixesha elingenammiselo.+ 26  AbaLevi abayi kuthwala mnquba okanye nayiphi na impahla yenkonzo yawo.”+ 27  Kuba ngokwamazwi kaDavide okugqibela+ la yayingamanani oonyana bakaLevi ukususela kwabaminyaka ingamashumi amabini ubudala ukusa phezulu. 28  Kuba umsebenzi wabo wenkonzo kaYehova wawulawulwa ngoonyana baka-Aron+ ezintendelezweni+ nakumagumbi okudlela+ nokusulungekiswa kwayo yonke into engcwele+ nomsebenzi wenkonzo wendlu kaTHIXO oyinyaniso, 29  kwanowesonka esikrozisiweyo+ nomgubo ocolekileyo+ womnikelo wokudla okuziinkozo nowesonka esisicaba+ sesonka esingenagwele+ namaqebengwana osiwe epanini+ nowentlama ekroqiweyo+ nawo wonke umlinganiselo wobuninzi nobukhulu;+ 30  nowokuma+ rhoqo kusasa+ ukubulela+ nokudumisa+ uYehova, ngokunjalo nangengokuhlwa; 31  nangowokunikela yonke imibingelelo etshiswayo kuYehova ngeesabatha,+ ekuthwaseni kweenyanga+ nangamaxesha omthendeleko,+ ngenani ngokommiselo wayo, rhoqo phambi kukaYehova. 32  Yaye anyamekela ukulinda+ intente yokuhlangana nokulinda indawo engcwele+ nokulinda oonyana baka-Aron abazalwana babo ukuba bakhonze endlwini kaYehova.+

Umbhalo osemazantsi