I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Kronike 22:1-19

22  Wandula uDavide wathi: “Le yindlu+ kaYehova uTHIXO oyinyaniso, yaye esi sisibingelelo+ somnikelo otshiswayo kaSirayeli.”  Ke kaloku uDavide wathi makuqokelelwe abaphambukeli+ ababekumhlaba kaSirayeli, wabamisa njengabaqingqi bamatye+ ukuba baqingqe amatye+ asisikwere okwakha indlu yoTHIXO oyinyaniso.  UDavide walungiselela intsimbi eninzi ukuze isetyenziselwe izikhonkwane zeminyango yamasango nezibambi, kwanobhedu oluninzi ngokokude lungabi nakulinganiswa,+  namaplanga omsedare+ angenakulinganiswa; kuba abaseSidon+ nabaseTire+ bawazisa aba maninzi kakhulu kuDavide.  Ngoko wathi uDavide: “USolomon unyana wam uselula yaye ubuthathaka,+ indlu emele yakhelwe uYehova imele ibe nobungangamela+ ngokugqwesileyo+ yaye imele ibe nomahluko, ibe ntle kakhulu kuwo onke amazwe. Ke ngoko, mandimlungiselele.” Ngoko ke uDavide wamlungiselela kakhulu ngaphambi kokuba afe.+  Ngaphezu koko wabiza uSolomon unyana wakhe ukuze amyalele ukuba akhe indlu kaYehova uTHIXO kaSirayeli.  UDavide wahlabela mgama wathi kuSolomon unyana wakhe: “Ke mna, kwakusentliziyweni yam+ ukulakhela indlu igama+ likaYehova uThixo wam.  Kodwa kwafika ilizwi likaYehova nxamnye nam, lisithi, ‘Uphalaze igazi elininzi kakhulu,+ yaye ulwe iimfazwe ezinkulu kakhulu.+ Akusayi kulakhela indlu igama lam,+ kuba uphalaze igazi elininzi kakhulu emhlabeni phambi kwam.  Khangela! Uya kuzalelwa+ unyana. Yena uya kuba yindoda yokuphumla, yaye ngokuqinisekileyo ndiya kumnika ukuphumla kuzo zonke iintshaba zakhe macala onke;+ uya kuba nguSolomon+ igama lakhe, yaye ngemihla yakhe ndiya kumjizeka uSirayeli ngoxolo+ nokuzola. 10  Nguye oya kulakhela indlu igama lam,+ yena uya kuba ngunyana+ kum, yaye mna ndiya kuba nguyise+ kuye. Yaye ndiya kuyimisela ngokuqinileyo itrone yobukumkani+ bakhe kuSirayeli ukusa kwixesha elingenammiselo.’ 11  “Ke kaloku, nyana wam, ngamana uYehova angaba nawe, uze uphumelele uyakhe indlu kaYehova uThixo wakho, kanye njengoko wathethayo ngawe.+ 12  Ngamana uYehova angakunika ingqiqo nokuqonda,+ ngamana angakunika umyalelo ngokuphathelele uSirayeli ukuba uwugcine umthetho kaYehova uThixo wakho.+ 13  Uya kuphumelela+ ukuba uyayinyamekela uze uyigcine imimiselo+ nemigwebo+ uYehova awamyalela+ ngayo uMoses ngokuphathelele uSirayeli. Yiba nesibindi uze womelele.+ Musa ukoyika,+ ungankwantyi.+ 14  Uyabona, ebudeni beenkxwaleko+ zam indlu kaYehova ndiyilungiselele ikhulu lamawaka eetalente zegolide+ nesigidi seetalente zesilivere, yaye ubhedu+ nentsimbi+ akukho ndlela yakuzilinganisa ngenxa yokuba ziye zaba ninzi kakhulu; namaplanga namatye ndiwalungiselele, kodwa uya kongeza kuzo. 15  Unabasebenzi abaninzi, abaqingqi bamatye nabasebenza ngamatye+ nangomthi nabo bonke abanobuchule kulo lonke uhlobo lomsebenzi.+ 16  Igolide, isilivere nobhedu nentsimbi azinakubalwa.+ Sukuma uthabathe inyathelo,+ ngamana uYehova angaba nawe.”+ 17  Yaye uDavide waqhubeka eyalela zonke iinkosana zakwaSirayeli ukuba zincede uSolomon unyana wakhe: 18  “Akanani na uYehova uThixo wenu,+ yaye akaninikanga kuphumla na macala onke?+ Kuba wabanikela esandleni sam abemi beli lizwe, yaye loyiswa ilizwe phambi koYehova+ naphambi kwabantu bakhe. 19  Ke ngoko yinikeleni intliziyo yenu nomphefumlo wenu+ ukuba nibuze kuYehova uThixo wenu,+ nize nisukume nakhe ingcwele+ kaYehova uTHIXO oyinyaniso,+ ukuba nizise ityeya+ yomnqophiso kaYehova neempahla ezingcwele zoTHIXO oyinyaniso endlwini eyakhelwe igama+ likaYehova.”

Umbhalo osemazantsi