I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Kronike 20:1-8

20  Kwathi ke ekuqaleni konyaka,+ ngexesha lokuhlasela kookumkani,+ uYowabhi wakhokela umkhosi wokulwa+ waza walenza laba linxuwa ilizwe loonyana baka-Amoni waza waya kungqinga iRabha,+ ngoxa uDavide wayehleli eYerusalem; uYowabhi waxabela+ iRabha waza wayidiliza.  Kodwa uDavide wasithabatha isithsaba sikaMalekam entlokweni yakhe,+ wasifumanisa siyitalente yegolide ubunzima baso, yaye sasinamatye axabisekileyo; ibe saba sentlokweni kaDavide. Namaxhoba eso sixeko awaphuma nawo ayemaninzi kakhulu.+  Yaye abantu ababekuso wabakhupha, ukuze ababeke+ ematyeni okusarhela nakwizixhobo ezibukhali zentsimbi nasemazembeni;+ kwaye leyo yayiyindlela uDavide awenza ngayo kuzo zonke izixeko zoonyana baka-Amoni. Ekugqibeleni uDavide nabantu bonke babuyela eYerusalem.  Kwathi emva koko kwaqhambuka imfazwe eGezere+ namaFilisti.+ Kungoko uSibhekayi+ umHusha awaxabela uSipayi kwabo bazalwa ngamaRefa,+ oyiswa ke.  Kwaphinda ke kwabakho imfazwe namaFilisti; yaye uElihanan+ unyana kaYayire waxabela uLami umntakwabo Goliyati+ umGati, omphini womkhonto wakhe wawunjengomqobo wabaluki.+  Kwaphinda kwabakho imfazwe eGati,+ apho kwakukho indoda enkulu ngokungaqhelekanga+ eminwe yayo neenzwane zayo zazingantandathu, zingamashumi amabini anesine;+ nayo yayizalwa ngamaRefa.+  Yaye yaqhubeka imngcikiva+ uSirayeli. Ekugqibeleni uYonatan unyana kaShimeya+ umntakwabo Davide wayixabela.  Aba ngabo babezalwa ngamaRefa+ eGati;+ yaye bawa+ ngesandla sikaDavide nangesandla sabakhonzi bakhe.

Umbhalo osemazantsi