Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Kronike 19:1-19

19  Kwathi emva koko wafa uNahashe+ ukumkani woonyana baka-Amoni, waza unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.+  UDavide wathi: “Ndiya kumenzela ububele bothando+ uHanuni unyana kaNahashe, ngenxa yokuba uyise wandenzela ububele bothando.”+ Ngako oko uDavide wathumela abathunywa ukuba bamthuthuzele ngenxa kayise, baza abathunywa bakaDavide bafika kwilizwe loonyana baka-Amoni+ kuHanuni ukuba bamthuthuzele.  Noko ke, iinkosana zoonyana baka-Amoni zathi kuHanuni: “Ngaba uDavide ubeka uyihlo na emehlweni akho ngokuba akuthumelele abathuthuzeli? Abakhonzi bakhe abezanga kuwe ukuze baligocagoce baze balibhukuqe, balihlole+ ilizwe?”+  Ngoko uHanuni wabathabatha abakhonzi bakaDavide+ wabacheba,+ wazisika zasisiqingatha izambatho zabo ukuya kutsho ezimpundu+ waza wabandulula.+  Kamva abantu bamxelela uDavide ngaloo madoda; kwaoko wathumela ukuba ahlangatyezwe, ngenxa yokuba ayethotyiwe kakhulu; yaye ukumkani wahlabela mgama wathi; “Hlalani eYeriko+ zide zikhule kakhulu iindevu zenu. Nandule ke nibuye.”  Ekuhambeni kwexesha oonyana baka-Amoni babona ukuba balivumba elibi+ kuDavide, yaye uHanuni+ noonyana baka-Amoni bathumela iitalente ezilliwaka zesilivere+ ukuziqeshela iinqwelo+ nabakhweli-mahashe eMesopotamiya naseAram-mahaka+ naseTsobha.+  Ngaloo ndlela baziqeshela amashumi amathathu anesibini amawaka eenqwelo+ nokumkani waseMahaka nabantu bakhe.+ Bangena bamisa inkampu phambi kweMedebha;+ ke bona oonyana baka-Amoni, bahlangana ndawonye kwizixeko zabo, beza emfazweni.  Akuva ngako uDavide, ngokukhawuleza wathumela uYowabhi+ nawo wonke umkhosi namadoda anamandla.+  Oonyana baka-Amoni baphuma bakha uluhlu lwedabi ngasesangweni lesixeko, ookumkani+ ababezile babebodwa endle. 10  Xa uYowabhi wabona ukuba abahlaseli abasedabini bangaphambili nangasemva kwakhe, kwaoko wanyula athile kuwo onke amadoda abalaseleyo kwaSirayeli waza wakha uluhlu ukuze ahlangabezane namaSiriya.+ 11  Abanye abantu wabanikela esandleni sika-Abhishayi+ umntakwabo, ukuba akhe uluhlu ukuze ahlangabeze oonyana baka-Amoni.+ 12  Waza wahlabela mgama wathi: “Ukuba amaSiriya+ athe omelela ngakumbi kunam, umele ube lusindiso lwam;+ kodwa ukuba bona oonyana baka-Amoni bathe bomelela kunawe, nam ndimele ndize kukusindisa.+ 13  Yomelela,+ ukuze sizibonakalise sinesibindi ngenxa yabantu bakowethu nangenxa yezixeko zoThixo wethu;+ ke yena uYehova, uya kwenza okulungileyo emehlweni akhe.”+ 14  UYowabhi nabantu ababenaye basondela kumaSiriya edabini,+ asaba+ asuka phambi kwakhe. 15  Ke bona oonyana baka-Amoni babona ukuba amaSiriya asabile, nabo basaba+ phambi kuka-Abhishayi umntakwabo baza ke ngoko bangena esixekweni.+ Kamva uYowabhi wafika eYerusalem. 16  Athi amaSiriya akubona ukuba oyisiwe+ phambi koSirayeli, athumela abathunywa ukuba bakhuphe amaSiriya awayekummandla woMlambo,+ kunye noShofaki intloko yomkhosi kaHadadezere phambi kwawo. 17  Xa kwanikelwa ingxelo kuDavide, ngoko nangoko wahlanganisa ndawonye wonke uSirayeli waza wawela iYordan waza kuwo, wakha uluhlu nxamnye nawo.+ Wathi akulakha uluhlu uDavide ukuba ahlangane namaSiriya, alwa naye. 18  Kodwa amaSiriya asaba+ kuSirayeli; waza uDavide wabulala kumaSiriya amawaka asixhenxe abaqhubi beenqwelo namashumi amane amawaka amadoda ahamba ngeenyawo, noShofaki intloko yomkhosi nayo wayibulala.+ 19  Xa abakhonzi bakaHadadezere babonayo ukuba boyisiwe phambi koSirayeli,+ ngokukhawuleza benza uxolo noDavide baza bamkhonza;+ amaSiriya akafunanga kuzama ukubasindisa oonyana baka-Amoni kwakhona.+

Umbhalo osemazantsi