Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Kro 18:1-17

18  Kwathi ke emva koko uDavide wawaxabela amaFilisti+ waza wawoyisa yaye wayithabatha iGati+ needolophu eziphantsi kwayo esandleni samaFilisti.  Wandula waxabela uMowabhi,+ aza amaMowabhi aba ngabakhonzi bakaDavide bokuzisa unikelo.+  Waza uDavide wahlabela mgama waxabela uHadadezere+ ukumkani waseTsobha+ eHamati+ njengoko wayesiya kumisa ulawulo lwakhe kuMlambo umEfrate.+  Ngokubhekele phaya, uDavide wathimba kuye iwaka leenqwelo namawaka asixhenxe abakhweli-mahashe namashumi amabini amawaka amadoda ahamba ngeenyawo.+ UDavide wawanqumla imisipha+ onke amahashe atsala iinqwelo,+ kodwa washiya kuwo amahashe alikhulu atsala iinqwelo.  Xa iSiriya yaseDamasko yeza kuncedisa uHadadezere ukumkani waseTsobha,+ uDavide waxabela kumaSiriya amadoda angamashumi amabini anesibini amawaka.  Emva koko uDavide wamisa iinkampu zomkhosi eSiriya yaseDamasko,+ aza amaSiriya aba ngabakhonzi bakaDavide bokuzisa unikelo.+ Yaye uYehova waqhubeka emsindisa uDavide naphi na apho wayesiya khona.+  Ngaphezu koko, uDavide wathabatha amakhaka+ egolide abusazinge awayekubakhonzi bakaHadadezere, wawazisa eYerusalem.+  Yaye eTibhati+ naseKun, izixeko zikaHadadezere, uDavide wathabatha ubhedu oluninzi kakhulu. USolomon wenza ngalo ulwandle lobhedu+ neentsika+ neempahla zobhedu.+  Wathi uTowu ukumkani waseHamati+ akuva ukuba uDavide uxabele wonke umkhosi wamajoni kaHadadezere+ ukumkani waseTsobha, 10  kamsinya wathumela uHadoram+ unyana wakhe kuKumkani uDavide ukuba ambuze ngentlalo-ntle aze avuyisane naye ngenxa yokuba wayelwe noHadadezere ngokokude amxabele, (kuba uHadadezere wayeqeqeshelwe imfazwe nxamnye noTowu, ) yaye wayephethe zonke iintlobo zempahla yegolide nesilivere+ nobhedu. 11  Nezi uKumkani uDavide wazingcwalisela+ uYehova kunye nesilivere negolide awayithabatha kuzo zonke iintlanga,+ kwaEdom nakwaMowabhi+ nakoonyana baka-Amoni+ nakumaFilisti+ nakuAmaleki.+ 12  Ke yena uAbhishayi+ unyana kaZeruya,+ waxabela amaEdom kwiNtlambo yeTyuwa,+ ishumi elinesibhozo lamawaka. 13  Wabeka iinkampu zomkhosi kwaEdom, yaye onke amaEdom aba ngabakhonzi bakaDavide.+ UYehova waqhubeka emsindisa uDavide naphi na apho wayesiya khona.+ 14  UDavide waqhubeka elawula wonke uSirayeli,+ yaye waqhubeka ebenzela izigwebo nobulungisa bonke abantu bakhe.+ 15  Kwaye uYowabhi unyana kaTseruya wayephethe umkhosi,+ uYehoshafati+ unyana ka-Ahiludi wayegcina ingxelo. 16  UTsadoki+ unyana ka-Ahitubhi noAhimeleki+ unyana ka-Abhiyatare babengababingeleli, uShavesha+ yena engunobhala. 17  UBhenaya+ unyana kaYehoyada+ wayephethe amaKereti+ namaPeleti;+ oonyana bakaDavide babesesikhundleni sokuqala kwicala likakumkani.+

Umbhalo osemazantsi