Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Kronike 14:1-17

14  Waza uHiram+ ukumkani waseTire+ wathumela abathunywa kuDavide namaplanga omsedare nabakhi beendonga+ nabo basebenza ngemithi ukuba bamakhele indlu.+  Yaye uDavide wazi ukuba uYehova ummisele ngokuqinileyo+ njengokumkani phezu koSirayeli, kuba ubukumkani bakhe baphakanyiswa kakhulu ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.+  UDavide waqhubeka ethabatha abafazi+ abangakumbi eYerusalem, yaye uDavide wazala oonyana abangakumbi neentombi.+  Ngawo la amagama abantwana ababa ngabakhe eYerusalem: uShamuwa+ noShobhabhi,+ uNatan+ noSolomon,+  noIbhare+ noElishuwa noElpelete,+  noNoga noNefege+ noYafiya,  noElishama+ noBheliyada noElifelete.+  Yaye amaFilisti eva ukuba uDavide wayethanjiswe njengokumkani phezu koSirayeli wonke.+ Onke ke amaFilisti enyuka eze kufuna uDavide.+ Akuva ngako uDavide, ngoko waphuma nxamnye nawo.  Yaye amaFilisti angena aza aqhubeka ehlasela entilini yamaRefa.+ 10  UDavide wabuza kuThixo,+ esithi: “Ndinyuke na nxamnye namaFilisti, yaye uya kuwanikela na ngokuqinisekileyo esandleni sam?” Wathi uYehova kuye: “Nyuka, yaye ngokuqinisekileyo ndiya kuwanikela esandleni sakho.” 11  Ngoko uDavide wenyukela eBhahali-peratsim+ waza wawaxabela apho. UDavide wathi: “UTHIXO oyinyaniso uzityhobozele iintshaba zam ngesandla sam njengokutyhoboza kwamanzi.” Kungenxa yoko le nto balibiza igama laloo ndawo+ ngokuba yiBhahali-peratsim. 12  Abashiya apho oothixo bawo.+ Ngoko uDavide wathetha ilizwi, batshiswa ngomlilo.+ 13  Kamva enyuka kwakhona amaFilisti ahlasela entilini leyo.+ 14  UDavide waphinda wabuza+ kuThixo, waza uTHIXO oyinyaniso wathi kuye: “Uze ungenyuki uwalandele. Jikela emva kwawo, uze ke ufike kuwo ngaphambi kwamatyholo emibhaka.+ 15  Yaye kothi ekuveni kwakho isandi sokumatsha kumphezulu wamatyholo emibhaka,+ wandule ukuphuma ulwe,+ ngenxa yokuba uTHIXO oyinyaniso uya kube ephumile phambi kwakho+ ukuya kuxabela iqela lamaFilisti.” 16  UDavide wenza kanye njengoko uTHIXO oyinyaniso wayemyalele,+ balixabela iqela lamaFilisti ukususela eGibheyon+ ukusa eGezere.+ 17  Yaye udumo lukaDavide+ lwaphumela kuwo onke amazwe, uYehova wazenza zonke iintlanga ukuba zinkwantye nguye.+

Umbhalo osemazantsi