Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Kronike 13:1-14

13  Wabhunga uDavide neentloko zamawaka nezamakhulu nayo yonk’ into eyinkokeli;+  Wathi uDavide kwibandla lonke likaSirayeli: “Ukuba kubonakala kulungile kuni yaye kwamkelekile kuYehova uThixo wethu, masithumele kubazalwana bethu abaseleyo emazweni onke akwaSirayeli+ nakubo ababingeleli+ nabaLevi+ abakwizixeko+ zamadlelo abo, ukuba babuthelane kuthi.  Yaye masizise ityeya+ kaThixo wethu kuthi.” Kuba abayinyamekelanga ngemihla kaSawule.+  Ngoko lonke ibandla lathi makwenziwe ngaloo ndlela, kuba loo nto yayilungile emehlweni abantu bonke.+  UDavide wamhlanganisa+ wonke uSirayeli ukususela kumlambo waseYiputa+ ukusa ekungeneni eHamati,+ ukuze kulandwe ityeya+ yoTHIXO oyinyaniso eKiriyati-yarim.+  UDavide naye wonke uSirayeli benyukela eBhahala,+ eKiriyati-yarim, ekwelakwaYuda, ukuze balande apho ityeya yoTHIXO oyinyaniso uYehova, ohleli phezu kweekherubhi,+ apho libizwa khona igama lakhe.  Noko ke, bayikhwelisa ityeya yoTHIXO oyinyaniso kwinqwelo entsha+ yendlu ka-Abhinadabhi, kwaye inqwelo leyo yayikhokelwa ngu-Uza noAhiyo.+  UDavide naye wonke uSirayeli babebhiyoza+ phambi koTHIXO oyinyaniso ngamandla onke nangeengoma+ nangeehadi+ nangemirhubhe+ nangeentambula+ nangamacangci nangamaxilongo.+  Beza kufikelela esandeni sikaKidon,+ waza u-Uza wolula isandla sakhe ukuze abambe iTyeya,+ kuba iinkunzi zeenkomo zaziyigungqisa. 10  Wavutha ke umsindo kaYehova ku-Uza, kangangokuba wambetha ngenxa yokolulela kwakhe isandla phezu kweTyeya,+ waza wafela apho phambi koThixo.+ 11  UDavide waba nomsindo+ ngenxa yokuba uYehova etyhobozele ku-Uza; yaza loo ndawo yabizwa ngokuba yiPeretse-uza kude kube namhla. 12  Yaye uDavide wamoyika uTHIXO oyinyaniso ngaloo mini,+ esithi: “Ndiya kuyizisa njani ityeya yoTHIXO oyinyaniso kum?”+ 13  UDavide akazange ayishenxise ayizise kuye iTyeya kwisiXeko sikaDavide, kodwa wayithwalela ecaleni kwindlu kaObhedi-edom+ umGati.+ 14  Ityeya yoTHIXO oyinyaniso yaqhubeka ihlala nabendlu kaObhedi-edom endlwini yakhe+ iinyanga ezintathu; yaye uYehova waqhubeka eyisikelela+ indlu kaObhedi-edom nento yonke awayenayo.

Umbhalo osemazantsi