I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Korinte 5:1-13

5  Okunene kukho ingxelo engohenyuzo+ oluphakathi kwenu, henyuzo olo olungekho naphakathi kweentlanga, olokuba umntu abe nomfazi kayise.+  Ngaba nisuke nakhukhumala na,+ beningafanelanga nizile na,+ ukuze umntu owenze esi senzo asuswe phakathi kwenu?+  Mna ngokukokwam, nangona ndingekho ngomzimba kodwa ndikho ngomoya, ngokuqinisekileyo sele ndimgwebile,+ ngokungathi bendikho, loo mntu wenze oku,  ukuze egameni leNkosi yethu uYesu, xa nihlanganisene ndawonye, kwanomoya wam ngamandla eNkosi yethu uYesu,+  nimnikele umntu onjalo kuSathana+ ukuba kutshatyalaliswe inyama, ukuze kusindiswe umoya+ ngemini yeNkosi.+  Isizathu senu sokuqhayisa+ asisihle. Anazi na ukuba igwele elincinane libilisa+ intlama iphela?+  Lisuseni igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha,+ kanye njengoko nikhululekile egweleni. Kuba, eneneni, uKristu+ ipasika+ yethu ubingelelwe.+  Ngenxa yoko masigcine umthendeleko,+ kungekhona ngegwele elidala,+ nangegwele+ lobubi nobungendawo,+ kodwa ngamaqebengwana angenagwele okunyaniseka nenyaniso.+  Ndanibhalela encwadini yam ukuba niyeke ukunxulumana nabahenyuzi, 10  ndingathethi ngokupheleleyo ngabahenyuzi+ beli hlabathi+ okanye abantu ababawayo nabaphangi okanye abanquli-zithixo. Kungenjalo, okunene bekuya kufuneka niphume ehlabathini.+ 11  Kodwa ngoku ndinibhalela ukuba niyeke ukunxulumana+ naye nabani na obizwa ngokuba ngumzalwana ongumhenyuzi okanye umntu obawayo+ okanye umnquli-zithixo okanye umtshabhisi okanye inxila+ okanye umphangi, ningatyi kwaukutya nomntu onjalo. 12  Kuba ndinantoni na yakwenza nokugwebana nabo bangaphandle?+ Anigwebi abo bangaphakathi na,+ 13  ngoxa uThixo egweba abo bangaphandle?+ “Mshenxiseni umntu ongendawo phakathi kwenu.”+

Umbhalo osemazantsi