I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Korinte 4:1-21

4  Makenjenjalo ke umntu ukusigqala njengabangaphantsi+ kukaKristu namagosa+ eemfihlelo ezingcwele+ zikaThixo.  Ngapha koko, okufunekayo kumagosa+ kukuba ahlale ethembekile.+  Ke kaloku kum kuyinto engenamsebenzi kakhulu ukuba ndincinwe nini okanye likomkhulu labantu.+ Nam andizincini ngokwam.  Kuba andazi nantoni na+ enxamnye nam. Kanti ngako oku andingqineki ndililungisa, kodwa lowo undincinayo nguYehova.+  Ngoko ke musani ukugweba+ nantoni na phambi kwexesha elililo, de ifike iNkosi,+ eya kuthi izise ekukhanyeni+ izinto ezifihlakeleyo zobumnyama ize iwabonakalise amacebo eentliziyo,+ uya kwandula ke ngamnye adunyiswe nguThixo.+  Ke kaloku, bazalwana, ezi zinto ndiziguqule khon’ ukuze zibhekisele kum noApolo+ ukuze kulungelwe nina, nokuze kwimeko yethu nifunde ummiselo othi: “Ningegqithi kwizinto ezibhaliweyo,”+ ukuze ningakhukhumali+ elowo ngokukhetha omnye nxamnye nomnye.+  Kuba ngubani na okwenza wahluke+ komnye? Eneneni, yintoni na onayo ongayamkeliswanga?+ Ukuba, eneneni wamkelisiwe,+ uqhayiselani+ ngokungathi akwamkeliswanga?  Nina sele nihluthi, andibi kunjalo? Sele nizizityebi, andibi kunjalo?+ Sele niqalisile ukulawula njengookumkani+ ngaphandle kwethu, andibi kunjalo? Yaye eneneni ndinqwenela ukuba beniqalisile ukulawula njengookumkani, ukuze nathi silawule kunye nani njengookumkani.+  Kuba kum kubonakala ukuba uThixo uye wasibeka thina bapostile saba ngabokugqibela embonisweni+ njengabantu abamiselwe ukufa,+ ngenxa yokuba siye saba ngumboniso wokubonelwa+ lihlabathi, naziingelosi,+ nangabantu.+ 10  Thina sizizidenge+ ngenxa kaKristu, kodwa nina niziingqondi+ kuKristu; thina sibuthathaka,+ kodwa nina nomelele;+ nina nidume kakuhle,+ kodwa thina sisekuhlazekeni.+ 11  Kude kuse kanye kweli lixa siyaqhubeka nokulamba+ kwanokunxanwa+ nokudlakazela+ nokuntlithwa+ nokungabi namakhaya+ 12  nokubulaleka,+ sisebenza ngezandla zethu.+ Xa sitshabhiswa, siyasikelela;+ xa sitshutshiswa, siyanyamezela;+ 13  xa sinyeliswa, siyabongoza;+ siye saba njengenkunkuma yehlabathi, inkuthu yazo zonke izinto, de kwangoku.+ 14  Ndibhala ezi zinto, kungekhona ukuze nibe neentloni, kodwa ukuniluleka njengabantwana bam abaziintanda.+ 15  Kuba nakuba nisenokuba nabakhapheli+ abangamawaka alishumi kuKristu, ngokuqinisekileyo abakho baninzi ooyihlo;+ kuba kuKristu Yesu ndiye ndaba nguyihlo ngeendaba ezilungileyo.+ 16  Ndiyanibongoza, ke ngoko, yibani ngabaxelisa mna.+ 17  Kungenxa yoko le nto ndithuma uTimoti kuni,+ njengoko engumntwana+ wam oyintanda nothembekileyo eNkosini; yaye uya kunikhumbuza ngeendlela zam ezingoKristu Yesu,+ kanye njengoko ndifundisa kuyo yonk’ indawo emabandleni onke. 18  Bambi bakhukhumele+ ngokungathi enyanisweni bendingezi kuni. 19  Kodwa ndiza kuza kuni kamsinya, ukuba uYehova uyathanda,+ yaye ndiya kwazi, kungekhona intetho yabo bakhukhumeleyo, kodwa amandla abo. 20  Kuba ubukumkani bukaThixo abukho ngentetho, kodwa ngamandla.+ 21  Nifuna ntoni na? Ndize kuni ndinentonga na,+ okanye ndinothando nobulali bomoya?+

Umbhalo osemazantsi