I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Korinte 3:1-23

3  Yaye ngoko, bazalwana, andikwazanga ukuthetha kuni njengakubantu bokomoya,+ kodwa njengakubantu bokwenyama, njengakwiintsana+ kuKristu.  Ndanondla ngobisi, kungekhona ngokutya,+ kuba naningekomeleli ngokwaneleyo. Enyanisweni, anikomeleli ngokwaneleyo nangoku,+  kuba nisengabokwenyama.+ Kuba ngoxa kukho ikhwele nembambano phakathi kwenu,+ aningabenyama na yaye anihambi njengoko abantu besenjenjalo na?+  Kuba xa omnye esithi: “Mna ndingokaPawulos,” kodwa omnye athi: “Mna ndingoka-Apolo,”+ aningobantu nje na?  Uyintoni na, ngoko, uApolo?+ Ewe, uyintoni na uPawulos? Ngabalungiseleli+ enathi ngabo naba ngamakholwa, kwanjengoko iNkosi yamnikayo ngamnye.  Mna ndatyala,+ uApolo wankcenkcesha,+ kodwa uThixo wakhulisa;+  ngoko ke lowo utyalayo+ akalutho nalowo unkcenkceshayo akalutho, kodwa oyinto nguThixo, yena ukhulisayo.+  Ke kaloku lowo utyalayo nalowo unkcenkceshayo banto-nye,+ kodwa umntu ngamnye uya kwamkela owakhe umvuzo ngokokusebenza kwakhe.+  Kuba singabasebenzi abangamadlelane kaThixo.+ Nina niyintsimi kaThixo elinywayo,+ isakhiwo sikaThixo.+ 10  Ngokobubele obungasifanelanga+ bukaThixo obanikwa mna, njengomalathisi osisilumko wemisebenzi ndabeka isiseko,+ kodwa uthile ongomnye wakha phezu kwaso. Kodwa ngamnye makahlale eyiphaphele indlela akha ngayo phezu kwaso.+ 11  Kuba akukho mntu unokubeka nasiphi na esinye isiseko+ ngaphandle kweso sibekiweyo, esinguYesu Kristu.+ 12  Ke kaloku ukuba nabani na wakha phezu kwesiseko ngegolide, ngesilivere, ngamatye axabisekileyo, ngezinto ezenziwe ngomthi, ngengca, ngeendiza, 13  umsebenzi womntu ngamnye uya kucaca ngaloo mini, kuba uya kutyhilwa ngomlilo;+ yaye umlilo ngokwawo uya kucikida ukuba uluhlobo luni na umsebenzi wakhe ngamnye. 14  Ukuba umsebenzi wakhe nabani na awakhe phezu kwaso uyahlala,+ uya kwamkela umvuzo;+ 15  ukuba umsebenzi wakhe nabani na utshiswa kuthi tu, uya kulahlekelwa, kodwa yena ngokwakhe uya kusindiswa;+ kanti, ukuba kunjalo, kuya kuba ngokungathi udlule emlilweni.+ 16  Anazi na ukuba niyitempile kaThixo,+ nokuba umoya kaThixo uhleli kuni?+ 17  Ukuba nabani na utshabalalisa itempile kaThixo, uThixo uya kumtshabalalisa;+ kuba itempile kaThixo ingcwele,+ tempile leyo+ eniyiyo nina.+ 18  Makungabikho nabani na uzikhohlisayo: Ukuba nabani na phakathi kwenu ucinga ukuba usisilumko+ kule nkqubo yezinto, makabe sisidenge, ukuze abe sisilumko.+ 19  Ubulumko beli hlabathi bubudenge kuThixo;+ kuba kubhaliwe kwathiwa: “Ubambisa izilumko kubuqhokolo bazo.”+ 20  Yaye kwakhona kwathiwa: “UYehova uyazi ukuba ukuqiqa kwabantu abazizilumko kuphuthile.”+ 21  Ngoko ke makungabikho nabani na uqhayisa ngabantu; kuba zonke izinto zezenu,+ 22  enoba nguPawulos okanye uApolo+ okanye uKefas okanye ihlabathi okanye ubomi okanye ukufa okanye izinto ezilapha ngoku okanye izinto eziza kuza,+ zonke izinto zezenu; 23  nina ningabakaKristu;+ uKristu yena ngokaThixo.+

Umbhalo osemazantsi