I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

1 Korinte 2:1-16

2  Ngoko ke bazalwana, xa ndeza kuni, ndivakalisa imfihlelo engcwele+ kaThixo, andizange ndize ngakugqithisela kwantetho+ okanye kwabulumko.  Kuba ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu ngaphandle koYesu Kristu,+ naye ebethelelwe.  Yaye ndafika kuni ndibuthathaka ibe ndisoyika kwaye ndingcangcazela kakhulu;+  yaye intetho yam noko ndakushumayelayo kube kungengamazwi eyisayo obulumko kodwa bekungokubonakaliswa komoya namandla,+  ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu,+ kodwa lube semandleni kaThixo.+  Ke kaloku sithetha ubulumko phakathi kwabo baqolileyo,+ kodwa kungekhona ubulumko+ bale nkqubo yezinto+ nobo babalawuli bale nkqubo yezinto, abo baza kutshitsha.+  Kodwa sithetha ubulumko bukaThixo kwimfihlelo engcwele,+ ubulumko obufihlakeleyo, obo uThixo wabumisela kwangaphambili ngaphambi kweenkqubo+ zezinto ngenxa yozuko lwethu.  Akukho namnye kubalawuli+ bale nkqubo yezinto ubaziyo+ obu bulumko, kuba ukuba babebazile ngebabengayibethelelanga+ iNkosi ezukileyo.  Kodwa kanye njengoko kubhaliwe: “Iliso alizibonanga nendlebe ayizivanga, zingathelekelelwanga nasentliziyweni yomntu izinto uThixo azilungisele abo bamthandayo.”+ 10  Kuba uThixo uzityhile+ kuthi ngomoya wakhe,+ kuba umoya+ uphengulula ezintweni zonke, kwanezinto ezinzulu+ zikaThixo. 11  Kuba ngubani na phakathi kwabantu ozaziyo izinto zomntu ngaphandle komoya+ womntu okuye? Ngoko, akukho bani ufikelele ekuzazini izinto zikaThixo, ngaphandle komoya+ kaThixo. 12  Ke thina samkela, kungekhona umoya+ wehlabathi, kodwa umoya+ ovela kuThixo, ukuze sizazi izinto esizinikwe ngobubele nguThixo.+ 13  Ezi zinto sikwazithetha, kungekhona ngamazwi afundiswa ngobulumko babantu,+ kodwa ngalawo afundiswa ngomoya,+ njengoko sidibanisa imibandela yokomoya namazwi okomoya.+ 14  Kodwa umntu wokwenyama akazamkeli izinto zomoya kaThixo, kuba zibubudenge kuye; yaye akanakuzazi,+ ngenxa yokuba zincinwa ngokomoya. 15  Noko ke, umntu wokomoya+ eneneni uncina zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akancinwa+ nguye nawuphi na umntu. 16  Kuba “ngubani na oyaziyo ingqondo kaYehova,+ ukuze amyalele?”+ Kodwa sinayo ingqondo+ kaKristu.

Umbhalo osemazantsi