Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela–Incwadi Yentlanganiso  |  Septemba 2017

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Baqeqeshe Ukuba Baqhubeke Bekhonza UYehova

Baqeqeshe Ukuba Baqhubeke Bekhonza UYehova

Amava abonisa ukuba abavakalisi abaqeqeshwe kwasekuqaleni ukuba babekho rhoqo baze bazimisele entsimini, baba ngabavakalisi abaphumelelayo. (IMi 22:6; Fil 3:16) Nazi ezinye iindlela onokusinceda ngazo isifundo ukuba sizimisele entsimini:

  • Qalisa ukuqeqesha isifundo sakho ngoko nangoko emva kokuba siye saba ngumvakalisi. (km 8/15 1) Sincede siqonde ukubaluleka kokuya veki nganye entsimini. (Fil 1:10) Thetha kakuhle ngentsimi enishumayela kuyo. (Fil 4:8) Sikhuthaze ukuba sisebenze nomveleli weqela kunye nabanye abavakalisi ukuze sifunde kubo.—IMi 1:5; km 10/12 6 ¶3

  • Emva kokuba umntu omfundelayo ebhaptiziwe, ungayeki ukumkhuthaza nokumnceda entsimini, ingakumbi xa engekayigqibi incwadi ethi, “Uthando LuThixo.km 12/13 7

  • Xa entsimini uhamba nomvakalisi omtsha, sebenzisa intshumayelo elula. Mncome emva kokuba uve intshumayelo yakhe. Mcebise, nto leyo eza kumnceda aphumelele entsimini. —km 5/10 7