I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO SEPTEMBA 2016

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Xa Sifika Kukho Umntwana Emzini

Xa Sifika Kukho Umntwana Emzini

Xa sifika kukho umntwana emzini, sifanele sicele ukuthetha nabazali. Le nto ibonisa ukuba siyabahlonipha. (IMi 6:20) Ukuba umntwana uthi masingene, masingangeni. Ukuba abekho abazali, masibuye ngelinye ixesha.

Ukuba sifika kukho omdadlana, nalapho sifanele sicele ukuthetha nabazali. Ukuba abekho, sifanele simbuze ukuba bayamvumela na azifunde iincwadi angazinikwanga ngabo. Ukuba bayamvumela, sinokumnika incwadi size simcele angene ku-jw.org/xh.

Xa sibuyela kumntu osemtsha ebesithethe naye, sinokucela ukudibana nabazali bakhe. Oku kuya kusinceda sibaxelele ngento esiyizeleyo kuze kusivulele ithuba lokuba sibabonise amacebiso anokuthenjwa aseBhayibhileni okunceda iintsapho. (Nd 119:86, 138) Baya kuyithanda indlela esibahlonipha ngayo, kuze oko kusivulele amathuba okushumayela iindaba ezilungileyo kuyo yonke intsapho.—1Pe 2:12.