Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela–Incwadi Yentlanganiso  |  Oktobha 2017

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Philela Ukudumisa UYehova!

Philela Ukudumisa UYehova!

Ubomi sisipho esixabisekileyo. Ukuba sisixabisile esi sipho oko kuya kubonakala kwindlela esiphila ngayo. NjengamaNgqina KaYehova, sizama ukusebenzisa iziphiwo nobuchule bethu ukuze sidumise uYehova, uMthombo woBomi. (Nd 36:9; ISi 4:11) Kodwa ke, amaxhala obomi kweli hlabathi likaSathana, anokusenza siyenze into yokugqibela into yokukhonza uYehova. (Mar 4:18, 19) Ndenza kakuhle xa ndizibuza: ‘Ngaba nyhani ndimnika konke endinako uYehova? (Hos 14:2) Ngaba umsebenzi wam uyandiphazamisa ekukhonzeni uYehova? Ziintoni izinto endizimisele ukuzenza ukuze ndibonise ukuba ndimnika konke endinako uYehova? Ndinokulandisa njani ixesha endilichitha entsimini?’ Ukuba ubona ukuba kufuneka uphucule, thandaza ucele uYehova akuncede uze wenze utshintsho olufunekayo. Ngokuqinisekileyo, xa umdumisa uYehova yonke imihla, oko kuya kukwenza uphile ubomi obanelisayo uze wonwabe!—Nd 61:8.

Uzukisa bani ngeziphiwo onazo?

BUKELA IVIDIYO ETHI, SEBENZISA ISIPHIWO SAKHO EKUKHONZENI UYEHOVA, UZE EMVA KOKO UPHENDULE LE MIBUZO ILANDELAYO:

  • Kutheni ingesosigqibo sifanelekileyo ukusebenzisa ubuchule neziphiwo zethu kwihlabathi likaSathana? (1Yo 2:17)

  • Ziziphi iintsikelelo ezifunyanwa ngabo bamnika konke abanako uYehova?

  • Ndinokuzisebenzisa njani iziphiwo nobuchule endinabo entlanganweni kaYehova?