Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela–Incwadi Yentlanganiso  |  Oktobha 2016

 UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IMIZEKELISO 1-6

“Kholosa NgoYehova Ngayo Yonke Intliziyo Yakho”

“Kholosa NgoYehova Ngayo Yonke Intliziyo Yakho”

Sifanele simthembe ngokupheleleyo uYehova. Oko kuthethwa ligama lakhe kusenza siqiniseke ukuba akuthembisileyo uza kukwenza. Ukuze simthembe, siza kuncedwa ngumthandazo. IMizekeliso isahluko 3 iyasiqinisekisa ukuba xa simthemba uza kusivuza ‘ngokuwenza uthi tye umendo wethu.’

Umntu osisilumko kwawakhe amehlo . . .

3:5-7

  • wenza izigqibo engaqalanga wabuza kuYehova

  • uyazithemba okanye athembe amacebiso ehlabathi

Umntu othembele kuYehova . . .

  • usondela kuye ngokufunda iBhayibhile, ukucamngca nokuthandaza

  • ufuna ukwalathiswa nguye ngokukhangela ukuba ithini iBhayibhile xa eza kwenza izigqibo

ZEZIPHI KWEZI EZIBONISA INDLELA ENDIZENZA NGAYO IZIGQIBO?

EYOKUQALA: Ndenza into endicinga ukuba yeyona ifanelekileyo

EYESIBINI: Ndicela uYehova ukuba asikelele isigqibo endisenzileyo

EYOKUQALA: Ndicela ulwalathiso lukaYehova ngokuthandaza nangokufundisisa

EYESIBINI: Ndenza into evisisana nemigaqo yeBhayibhile