I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO OKTOBHA 2016

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ngaba Uyalisebenzisa Ikhadi Le-JW.ORG?

Ngaba Uyalisebenzisa Ikhadi Le-JW.ORG?

Ekubeni imbandezelo enkulu isondele, umsebenzi wokushumayela ungxamisekile. (IMi 24:11, 12, 20) Ukuze sincede abantu bazi ngeLizwi likaThixo okanye iwebhsayithi yethu, sinokusebenzisa amakhadi e-jw.org. Eli khadi linekhowudi ekusa kwividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile? nesicelo sokufumana inkcazelo engakumbi okanye isifundo seBhayibhile. Abanye abantu basenokungafuni ukuthatha iincwadi zethu kodwa bavume ukungena kwiwebhsayithi yethu. Sukoyika ukubanika ikhadi le-jw.org. Kodwa ke, ungalishiyi eli khadi kubantu abangenamdla.

Njengoko usenza izinto zakho zemihla ngemihla, unokuqalisa incoko ngokuthi: “Ndicela ukukunika eli khadi. Lithetha ngewebhsayithi enenkcazelo yasimahla neevidiyo ezithetha ngezinto ezahlukahlukeneyo.” (Yoh 4:7) Kuba la makhadi enziwe aba mancinane, unokusoloko uhamba nambalwa ukuze uwanike abantu nanini na ithuba livela.