I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO NOVEMBA 2016

 UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IMIZEKELISO 27-31

IBhayibhile Ichaza Umfazi Olungileyo

IBhayibhile Ichaza Umfazi Olungileyo

Isahluko 31 seMizekeliso sinomyalezo obalulekileyo oya kuKumkani uLemuweli usuka kunina. Icebiso lakhe lamnceda wazi ukuba ngonjani umfazi olungileyo.

Umfazi olungileyo uthembekile

31:10-12

  • Xa kusenziwa izigqibo zentsapho uyacebisa ngoxa ezithoba endodeni yakhe

  • Indoda yakhe iyamthemba ukuba uyakwazi ukwenza izigqibo zobulumko, ibe ayithi makagqithe kuyo qho esenza izigqibo

Umfazi olungileyo ukhuthele

31:13-27

  • Uthobekile yaye uyisebenzisa kakuhle imali ukuze intsapho yakhe indiliseke futhi yondleke

  • Usebenza nzima enyamekela indlu yakhe ubusuku nemini

Umfazi olungileyo uthanda uThixo

31:30

  • Uyamoyika uThixo kwaye wakha ubuhlobo kunye naye