Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela–Incwadi Yentlanganiso  |  Meyi 2017

Iintshayelelo onokuzisebenzisa

Iintshayelelo onokuzisebenzisa

IMBONISELO

Intshayelelo: Ukuphalisa kwabakhweli-mahashe abane yeyona mibono yaziwayo kwincwadi yeSityhilelo. Abanye abantu iyaboyikisa. Abanye ibabangel’ umdla.

Isibhalo: ISi 1:3

Unokuthi: Le Mboniselo ithetha ngendlela ukuphalisa kwabakhweli-mahashe abane okunokuba ziindaba ezilungileyo ngayo kuthi.

FUNDISA INYANISO

Umbuzo: Ucing’ ukuba singazi ukuba lisiphathele ntoni ikamva?

Isibhalo: Isa 46:10

Inyaniso: UThixo usityhilela ikamva ngeLizwi lakhe, iBhayibhile.

NINAKO UKONWABA ENTSATSHENI

Intshayelelo: Sidlalela abantu le vidiyo imfutshane ithetha ngentsapho. [Dlala ividiyo ethi, Intshayelelo yencwadana ethi, Ninako Ukonwaba Entsatsheni.]

Unokuthi: Ukuba uza kuyifunda le ncwadana kuthethwa ngayo kule vidiyo, ndingakunika okanye ndikubonise indlela yokuyifumana simahla kwi-intanethi.

ZENZELE EYAKHO INTSHUMAYELO

Sebenzisa le mizekelo ingasentla ukuze uzenzele eyakho intshumayelo yasentsimini.