I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO MEYI 2016

 UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | INDUMISO 11–18

Ngubani Onokuba Lundwendwe Ententeni KaYehova?

Ngubani Onokuba Lundwendwe Ententeni KaYehova?

Ukuba lundwendwe ententeni kaYehova kuthetha ukuba ngumhlobo wakhe, ukuthembela ngaye nokumthobela. KwiNdumiso 15 kuchazwa oko uYehova akufunayo kumhlobo.

UNDWENDWE LUKAYEHOVA LUMELE . . .

  • lunyaniseke

  • luthethe inyaniso kwanasentliziyweni yalo

  • luhlonele abanye abakhonzi bakaYehova

  • luyenze into oluyithembisileyo nokuba kunzima

  • luncede abasweleyo lungalindelanga kubuyiselwa

UNDWENDWE LUKAYEHOVA LUYAKUPHEPHA . . .

  • ukuhleba nokunyelisa

  • ukwenza okubi kummelwane walo

  • ukuxhaphaza abazalwana abangamaKristu

  • ukunxulumana nabo bangamkhonziyo okanye abangamthobeliyo uYehova

  • ukunyotywa