I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO MEYI 2016

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ngaba Uyayisebenzisa I-JW Library?

Ngaba Uyayisebenzisa I-JW Library?

I-JW Library ifumaneka simahla ibe ikunceda ukwazi ukudawunlowuda iBhayibhile nolunye uncwadi, iividiyo nezinto ezirekhodiweyo efowunini yakho, kwitablet okanye kwikhompyutha yakho.

INDLELA YOKUYIFUMANA: Ngena kwi-intanethi uze ukhuphele iJW Library kwi-app store. I-JW Library iyakhupheleka kwizixhobo ze-elektroniki ezahlukahlukeneyo. Emva koko, yivule iJW Library uze ukhethe izinto ofuna ukuzikhuphela kwisixhobo sakho. Ukuba awukwazi kungena kwi-intanethi ekhayeni lakho, mhlawumbi ungakwenza oko kwiHolo yoBukumkani, kwilayibrari kawonke-wonke, okanye kwivenkile ekufutshane ethengisa ikofu. Xa uncwadi ludawunlowudekile kwisixhobo sakho, akusayi kuba yimfuneko ukuba usebenzise i-intanethi xa uluvula. Noko ke, ekubeni kusoloko kusongezwa izinto ezintsha kwiJW Library, ufanele umane ungena kwi-intanethi ukuze ufumane izinto ezintsha xa zikhona.

KUTHENI IFUNEKA? I-JW Library yenza kube lula kakhulu ukwenza ufundisiso lobuqu nokulandela xa kuqhutywa iintlanganiso zebandla. Iluncedo kakhulu nasentsimini, ngokukodwa xa ushumayela ngokungacwangciswanga.