Ngaphambi kokuba senze izigqibo ezikhulu okanye ezincinci, ngaba siyazibuza ukuba ‘uza kuthini uYehova?’ Soze siyazi yonke into ecingwa nguYehova, kodwa kwiLizwi lakhe usixelela “wonke umsebenzi olungileyo.” (2Ti 3:16, 17; Rom 11:33, 34) UYesu wayeyazi yonke into ethandwa nguThixo ibe yayiyeyona ibalulekileyo kuye. (Yoh 4:34) Nathi njengoYesu kufuneka senze kangangoko ukuze simvuyise uYehova.​—Yoh 8:28, 29; Efe 5:15-17.

BUKELA IVIDIYO ETHI HLALANI NIJONGA UKUBA KUYINTONI NA UKUTHANDA KUKAYEHOVA (LEV 19:18) UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Kutheni kufuneka sisebenzise imigaqo yeBhayibhile kuyo yonke into esiyenzayo?

  • Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile esimele sicinge ngayo xa sikhetha umculo?

  • Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile esimele sicinge ngayo xa sikhetha indlela yokunxiba nokuzilungisa?

  • Zeziphi ezinye izinto esinokuyisebenzisa kuzo imigaqo yeBhayibhile?

  • Yintoni ekufuneka siyenze ukuze siye siyiqonda into uYehova afuna siyenze?

Ngaba izigqibo endizenzayo zibonisa ukuba ndiyamthanda uYehova?