I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO JUNI 2016

 UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | INDUMISO 34–37

Kholosa NgoYehova Wenze Okulungileyo

Kholosa NgoYehova Wenze Okulungileyo

“Musa . . . ukubamonela abo benza okungebobulungisa”

37:1, 2

  • Musa ukuvumela impumelelo yokwexeshana yabantu abangendawo ikuphazamise ekukhonzeni uYehova. Hlala ucinga ngeentsikelelo nosukelo ozibekele lona

“Kholosa ngoYehova wenze okulungileyo”

37:3

  • Yiba nethemba lokuba uYehova uza kukunceda kuwo nawaphi na amathandabuzo okanye amaxhala onawo. Uza kukunceda uhlale uthembekile

  • Hlala uxakeke kukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo

“Ziyolise ngokugqibeleleyo ngoYehova”

37:4

  • Zibekele ixesha lokufunda iLizwi likaThixo nelokucamngca ngalo kuba ufuna ukumazi ngakumbi uYehova

“Yiqengqele kuYehova indlela yakho”

37:5, 6

  • Mthembe ngokupheleleyo uYehova ukuba uza kukunceda umelane nayo nayiphi na ingxaki

  • Hlala unehambo entle xa uchaswa, utshutshiswa okanye unyeliswa

“Yithi cwaka phambi koYehova uze ulindele kuye ngolangazelelo”

37:7-9

  • Kuphephe ukudyuduzela nto leyo enokukwenza ungonwabi uze ungomeleli elukholweni

Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba”

37:10, 11

  • Funa ululamo uze ngokuzithoba ulindele kuYehova ukuba asuse konke okungekho sesikweni omelana nako

  • Xhasa abazalwana noodade uze uthuthuzele abadandathekileyo ngethemba lehlabathi elitsha likaThixo, elisele likufuphi

UBukumkani bukaMesiya buya kuzisa iintsikelelo ezingathethekiyo