IMBONISELO

Umbuzo: Ngaba xa sisifa kuthande uThixo?

Isibhalo: ISi 21:4

Unokuthi: Le Mboniselo ichaza into ethethwa yiBhayibhile ngobomi nokufa.

FUNDISA INYANISO

Umbuzo: Kutheni kusenzeka izinto ezibuhlungu kangaka?

Isibhalo: 1Yo 5:19

Inyaniso: USathana uMtyholi ngumlawuli weli hlabathi.

YINTONI EYENZIWAYO XA KUFUNDWA IBHAYIBHILE?

Unokuthi: AmaNgqina KaYehova afundisa abantu iBhayibhile simahla, apho kuphendulwa khona imibuzo efana nale: Kutheni kusenzeka izinto ezibuhlungu kangaka? Inokonwaba njani intsapho yam? Le vidiyo imfutshane ibonisa indlela eziqhutywa ngayo izifundo zeBhayibhile. [Dlala ividiyo ethi, Yintoni Eyenziwayo Xa Kufundwa IBhayibhile?] Sisenokuncokola ngale ncwadi. [Mbonise enye yeencwadi zethu esifundisa ngazo iBhayibhile, ukuba kunokwenzeka, mbonise ukuba siqhutywa njani.]

ZENZELE EYAKHO INTSHUMAYELO

Sebenzisa le mizekelo ingasentla ukuze uzenzele eyakho intshumayelo yasentsimini.