Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela–Incwadi Yentlanganiso  |  Julayi 2017

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ukuba Nembeko Xa Sisemnyango

Ukuba Nembeko Xa Sisemnyango

AmaKristu ‘angumboniso wokubonelwa lihlabathi.’ (1Ko 4:9) Ngenxa yoko, kufuneka ingasothusi into yokuba abanye abaninimzi besikroba efestileni okanye besimamela emva komnyango. Kwelinye ikhaya kusenokubakho ikhamera nemicrophone ukuze umninimzi asibone, asimamele aze asirekhode. Nazi ezinye iindlela esinokuba nembeko ngazo xa sisemnyango.—2Ko 6:3.

IZINTO OZENZAYO (Fil 1:27):

  • Mhlonele umninimzi ngokungakrobi endlini yakhe. Ungatyi, usele, ufowune okanye uthumele imiyalezo ngoxa umi emnyango

IZINTO OZITHETHAYO (Efe 4:29):

  • Ungayithethi into ubungenakuthanda ukuba umninimzi akuve uyithetha ngoxa umi emnyango. Abanye abavakalisi basenokuyeka ukuncokola ukuze bakwazi ukucinga ngoko baza kuthetha ngako kumninimzi

Ziziphi ezinye iindlela onokuba nembeko ngazo xa usemnyango?