Namhlanje, kulula ukuzixakekisa ngezinto ezininzi. Kufuna ixesha namandla ukuthenga, ukubhatala, ukusebenzisa, ukunyamekela nokukhusela izinto zakho. UYesu waphila ubomi obulula ukuze izinto eziphathekayo zingamphazamisi ngokungeyomfuneko kubulungiseleli bakhe.—Mat 8:20.

Ungabenza bube lula njani ubomi bakho ukuze wenze okungakumbi kubulungiseleli? Ngaba aninakuhlengahlengisa entsatsheni yenu aze omnye kuni abe nguvulindlela? Enoba sele ukwinkonzo yexesha elizeleyo, ngaba ngokuthe ngcembe uye wabuxakekisa ubomi bakho ngezinto eziphathekayo? Uyonwaba uze waneliseke xa uphila ubomi obulula kwinkonzo kaYehova.—1Ti 6:7-9.

Bhala iindlela zokwenza ubomi bakho bube lula.