I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO JANUWARI 2017

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

”Owu Yehova, . . . Ndikholose Ngawe”

”Owu Yehova, . . . Ndikholose Ngawe”

Kubalulekile ukuba sikholose ngoYehova xa kumnandi naxa kukubi. (Nd 25:1, 2) Ngenkulungwane yesibhozo Phambi Kwexesha Eliqhelekileyo, amaYuda akwaYuda aba nengxaki eyavavanya ukumthemba kwawo uThixo. Oko kwenzeka kuwo kusisifundo kuthi. (Rom 15:4) Emva kokubukela ividiyo ethi “Owu Yehova, . . . Ndikholose Ngawe” ungayiphendula njani le mibuzo?

  1. Yiyiphi ingxaki awayekuyo uHezekiya?

  2. Wawusebenzisa njani umgaqo okwiMizekeliso 22:3 xa wayesengxakini?

  3. Kutheni engazange acinge ngokunikezela kwiAsiriya okanye enze ubuhlobo neYiputa?

  4. UHezekiya ungumzekelo omhle njani kumaKristu?

  5. Ziintoni namhlanje ezinokuvavanya ukukholosa kwethu ngoYehova?

Bhala iimeko onokukholosa ngakumbi NgoYehova kuzo.