I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO JANUWARI 2017

Iintshayelelo Onokuzisebenzisa

Iintshayelelo Onokuzisebenzisa

IMBONISELO

Umbuzo: Abanye abantu bathi iBhayibhile iphelelwe lixesha, ngoxa abanye besithi isasebenza. Uthini wena?

Isibhalo: 2Ti 3:16, 17

Unokuthi: Le Mboniselo ibalaselisa imizekelo yendlela iBhayibhile enobulumko ngayo yaye inamacebiso ngendlela onokufumana ngayo izifundo ezinokukunceda xa ufunda iBhayibhile.

FUNDISA INYANISO

Umbuzo: Ngaba isiphelo sehlabathi sikufuphi?

Isibhalo: Mat 24:3, 7, 14

Inyaniso: Isiprofeto seBhayibhile sithi siphila kwixesha lesiphelo. Ziindaba ezimnandi ezi. Zithetha ukuba amaxesha amnandi asemnyango.

NGABA IZINTO EZIPHILAYO ZADALWA?

Umbuzo: Ucinga ukuba kusengqiqweni ukuthi ubomi badalwa nguThixo okanye babakho ngamabona-ndenzile?

Unokuthi: Le ncwadana inobungqina obubangela ukuba abantu abaninzi bakholelwe kuMdali okrelekrele. Ndicela ukuphinda ndibuye ukuze sincokole ngalo mbuzo ukwiphepha 29: “Ngaba Kubalulekile Ukuba Yintoni Oyikholelwayo?

ZENZELE EYAKHO INTSHUMAYELO

Sebenzisa le mizekelo ingasentla ukuze uzenzele eyakho intshumayelo yasentsimini.