Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela–Incwadi Yentlanganiso  |  Februwari 2017

 UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ISAYA 63-66

Amazulu Amatsha Nomhlaba Omtsha Aya Kubangela Imincili

Amazulu Amatsha Nomhlaba Omtsha Aya Kubangela Imincili

Isithembiso sikaThixo sokwenza izinto zibe ntsha esikuIsaya isahluko 65 siqinisekile kuba uYehova uthetha ngaso ngokungathi sesizalisekile

UYehova udala amazulu amatsha nomhlaba omtsha; apho izinto zangaphambili zingayi kukhunjulwa

65:17

Yintoni amazulu amatsha?

  • Ngurhulumente omtsha, oza kulungisa iimeko emhlabeni

  • Amiselwa ngo-1914 xa uKristu wabekwa etroneni njengoKumkani woBukumkani bukaThixo

Yintoni umhlaba omtsha?

  • Ngabantu bazo zonke iintlanga, iilwimi, nezizwe abakuvuyelayo ukuzithoba kulawulo lorhulumente omtsha wasezulwini

Kutshiwo njani ukuba izinto zangaphambili aziyi kukhunjulwa?

  • Izinto ezibangela iinkumbulo ezibuhlungu—emzimbeni, engqondweni nangokweemvakalelo—ziya kuphela

  • Abantu abathembekileyo baya kunandipha ubomi, yaye baya kuba neenkumbulo ezimnandi suku ngalunye