I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO FEBRUWARI 2017

 UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ISAYA 58-62

“Bhengeza Unyaka Wenkoliseko KaYehova”

“Bhengeza Unyaka Wenkoliseko KaYehova”

“Unyaka wenkoliseko kaYehova” ayingonyaka wokoqobo

61:1, 2

  • Lixesha lokunika kukaYehova abalulamileyo ithuba lokusabela kwisibhengezo sakhe senkululeko

  • Kwinkulungwane yokuqala, unyaka wenkoliseko waqala xa uYesu waqalisa ubulungiseleli bakhe ngo-29 C.E. waza waqhubeka de yaba ‘ngumhla wempindezelo’ kaYehova xa iYerusalem yatshatyalaliswayo ngo-70 C.E.

  • Ngemihla yethu, unyaka wenkoliseko, waqala ekubekweni kukaYesu etroneni ngowe-1914 ibe uza kuphela ngembandezelo enkulu

UYehova ubasikelela abantu bakhe ‘ngemithi emikhulu yobulungisa’

61:3, 4

  • Eyona mithi mide ehlabathini idla ngokukhula kwihlathi elinye ize ixhasane

  • Kusenokwenzeka ukuba iingcambu ziyaphothana, zomelele ibe ziyanceda xa kukho iinkqwithela

  • Imithi emide iba ngumthunzi kuleyo mincinane yaye amagqabi awa kuyo achumisa umhlaba

Onke amalungu ehlabathi lonke ebandla lamaKristu ayangenelwa kwisondlo sokomoya esomelezayo nesilungiselelwa “yimithi emikhulu yobulungisa,” eyintsalela ethanjisiweyo