Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO FEBRUWARI 2017

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Nceda Abantwana Bakho Babe Nokholo Olungagungqiyo KuMdali

Nceda Abantwana Bakho Babe Nokholo Olungagungqiyo KuMdali

Indalo izukisa uYehova. (Nd 19:1-4; 139:14) Noko ke, ihlabathi likaMtyholi likhuthaza iimfundiso ezingamhloneliyo uThixo njengomdali. (Rom 1:18-25) Ungenza njani ukuze ezo ngcinga zingendeli ezingqondweni nasezintliziyweni zabantwana bakho? Bancede besebancinane ukuba babenokholo lokuba uYehova ukho ibe ukhathalele ngamnye kubo. (2Ko 10:4, 5; Efe 6:16) Zama ukuqonda ukuba bacinga ntoni ngezinto abazifundiswa esikolweni, uze usebenzise izixhobo onazo ukuze ufikelele iintliziyo zabo.—IMi 20:5; Yak 1:19.

BUKELA IVIDIYO ETHI: OKO KUTHETHWA NGOONTANGA BAKHO—UKUKHOLELWA KUTHIXO, UZE UBUZE LE MIBUZO:

  • Bubuphi ubuxoki obuqhelekileyo ngokukholelwa kuThixo?

  • Kufundiswa ntoni esikolweni sakho?

  • Yintoni ekwenza uqiniseke ukuba uYehova ukho?

  • Unokumnceda njani omnye umntu aqonde ukuba nguThixo odale zonke izinto?