I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO FEBRUWARI 2016

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Bamemele ESikhumbuzweni Bonke Abantu Abakwintsimi Yakho!

Bamemele ESikhumbuzweni Bonke Abantu Abakwintsimi Yakho!
BUKA
Umfanekiso
Inkcazelo

Kwiphulo eliza kuqala ngoFebruwari  27, siza kumema abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ukuba bakhumbule kunye nathi ukufa kukaKristu. Sifanele sibaqaphele abantu abanomdla size sibabuyele.

AMANYATHELO ONOKUWATHABATHA

YENZA INTSHUMAYELO YAKHO

“Sihambisa esi simemo sesona sihlandlo sibaluilekileyo. NgoMatshi 23, izigidi ehlabathini jikelele ziza kudibana ukuze zikhumbule ukufa kukaYesu Kristu zize ziphulaphule intetho yeBhayibhile ethetha ngendlela okusinceda ngayo ukufa kwakhe. Esi simemo sibonisa ixesha nendawo eza kuqhutyelwa kuyo le ntlanganiso ekuhlaleni. Nceda uze ukuba unokukwazi.”

[Ukongezelela.] Ukuba umntu ubonisa umdla . .

  • HAMBISA IMBONISELO

    Beka isiseko sokubuyela.

  • MBONISE IVIDIYO YESIKHUMBUZO

    Beka isiseko sokubuyela.

[Ukongezelela.] Xa ubuyela . . .

  • MBONISE IVIDIYO ETHI KUTHENI UFANELE UFUNDE IBHAYIBHILE?

    Emva koko cela ukumqhubela isifundo seBhayibhile.

  • HAMBISA INCWADI ETHI YINTONI NGOKWENENE EFUNDISWA YIBHAYIBHILE?

    Ncokola ngenkcazelo engakumbi ngeSikhumbuzo usebenzisa iphepha 206-208. Emva koko, hambisa incwadi.

  • HAMBISA INCWADANA ETHI PHULAPHULA UTHIXO UZE UPHILE NGONAPHAKADE

    Xubusha ngentsingiselo yokufa kukaKristu usebenzisa iphepha 18-19. Emva koko hambisa incwadana.